Abanye babahlali abajikwayo ngabathengisi benyama eMbengweni kuba bengafuni bagxumeke amatyotyombe wabo.umfanekiso: UNATHI OBOSE


Abahlali bamatyotyombe akoSST kwingingqi yaseTown Two bathi baphelelwe lithemba lokuba bayakuze bahambe kulandawo.

Oku kuza emva kokuba inxalenye yabo yathi yajikiswa sele ithuthile kwinyanga yoKwindla.

Ngokweengxelo, isiXeko saseKapa sathi sachonga iihoki ezingama 28 ekwakulindeleke ukuba zisuswe. Ezi hoki zazakhiwe phezu kwemibhobho ehamba ilindle.

Ukukhawulelana nelophulo uThando Pimpi, nonguceba kaWadi 93 equka langingqi, wasusa iihoki zokuqala ezili 14, nalapho abathengisi benyama kwindawo ebizwa ngokuba kuse Mbengweni baye bakhaba ngawo omane. (“Confusion reigns over SST relocation plans”, City Vision, 7 March).

Kungoku nje abahlali batyhola uPimpi ngokurhuqa iinyawo nokungabakhathaleli.

Omnye wabahlali, nongafunanga ukulibiza igama lakhe kuba esoyikisela ubomi bakhe nokhethe ukuzibiza ngesiduko uMaTenza, uthe ukususwa kwabo kooSST yindaba yakwamkhozi.

“Ayisathethwa nokuthethwa ngoku lonto kuthe cwaka. Kudala kwamane kusithiwa siyahamba-siyahamba kodwa akukho nto icacayo. Inoba bafuna sifele kule ndawo,” uthethe watsho uMaTenza.

Ecacisa ngesizathu sokuba basuswe kula ndawo, uMaTenza uthe kwabonakala ukuba iihoki zabo zime phezulu kwemibhobho yelindle, ntoleyo ngoku ebanika ingxaki.

Uqhubeke wathi zininzi iziganeko zokutshona kwesanti ishiye imingxunya, nalapho ibangela iihoki zabo zibesemngciphekweni. “Ekuqaleni konyaka kukhe kwatshona umntana omncinci emngxunyeni. Wathi esiya esikolweni ehamba apha phakathi kweehoki suka yatshona isanti naye. Kodwa ngentlahla kwathi kanti kukho abahlali abambonayo bakhawuleza bamkhupha. Kuthiwa oku kutshona kwesanti kunento yokwenza nale mibhobho sakhe phezulu kwayo. Ziihoki ezingama 28 zonke ekulindeleke ukuba zichithwe apha nezakhiwe phuzulu kwale mibhobho yelindle, ukwenzela kuzokwazi ukulungiswa,” ucacise watsho uMaTenza.

Waleke ngelithi sele elahlekelwe lithemba lokuba bakuze bahambe kule ndawo. “Mna ndandikwelaqela lalisele lichithile laze lajikwa ngabaphathi bezitendi zenyama eMbengweni kuba bengafuni sibeke iihoki zethu emva kwezitendi zabo ngelithi sizakungcolisa phaya. Nangoku ihoki yam ayisaphelelanga ngoba yayindala kwayona. Ndathi xa ndiyimisa kwakhona yacutheka,” utshilo uMaTenza.

U-Pimpi uthe akukabikho nto icacayo okwangoku kodwa usazama ukudibanisa iintloko noogxa bakhe ukuzama ukuba afumane ibala lokubabeka.

“Aba bantu sasibathutha kwaye kwanyanzeleka ukuba babuyele ezizeni zabo ngoba abathengisi benyama kwindawo yase Mbengweni abazange bavume ukuba bokhe iihoki zabo ecaleni kwala ndawo. Bakhona ke abanye abangazange bakwazi ukokha iihoki zabo kwakhona ngenxa yokuba izixhobo zabo zokwakha zazisele zibolile. Uninzi lwabo laphela luhlala kwizihlobo nakwizalamane. Ingxaki bathi kwabona abafuni kuya kude kuba becingela abantwana babo ukuba bazakusokola ukuya esikolweni. Ukanti bathi nabo xa bephangela bazakusokola ukufumana izithuthi zikawonke-wonke,” ucacise watsho uPimpi.

Uqhubeke wathi akalali buhlayo ngenxa yemeko aba bantu abajongene nayo kula ngingqi.

You need to be Logged In to leave a comment.