Abayivali imilomo abahlali eNkanini

Ubomi abusayi buphinde bufane nesiqhelo kubahlali bamatyotyombe iNkanini eLwandle emva kokuba isiXeko sase Kapa sibokhele izindlu zangasese ezigungxulwayo.


Ubomi abusayi buphinde bufane nesiqhelo kubahlali bamatyotyombe iNkanini eLwandle emva kokuba isiXeko sase Kapa sibokhele izindlu zangasese ezigungxulwayo.

Le ngingqi neneminyaka engaphaya kwama 20 yakhiwayo iyaqala ezimbalini ukuba nezindlu zangasese ezigungxulwayo.

Zizindlu ezingama 20 ezithe zafakelwa kule ngingqi ngenjongo yokunikela ngeenkonzo eluntwini.

Umhlali uNosiphe Nyiphi uthe abayivali imilomo emva kokuba bokhwelwe ezi zindlu kulandela iminyaka yentsokolo.

“Sibulela uceba ngemisebenzi yakhe ebonakalayo. Siyakholelwa ukuba ebengekho ngesisasebenzisa iipotapota okanye sisiya emtyholweni nangoku. Baninzi ooceba ebesinabo ngaphambili kodwa bengasenzeli nto,” uthethe watsho Nyiphi.

Waleke ngelithi noko isidima sabo sizakutsho sibuye.

Uchaze ubomi bokusebenzisa iipotapota nanje ngento eyenza intloni kunye nevumba. “Kaloku ezipotapota zigalelwa ikhemikhalzi ukuze zincedisane nalanto uyishiya pha. Ingakumbi xa kutshisa, kuye kubekho ivumba elingathandekiyo kangangokuba abantu abaninzi bazakhela ngaphandle abazihlalisa endlini. Abanye abantu ufumanisa ukuba abazivalisisi kakuhle ngoku kwenzeke ingxaki. Eneneni kona ezi zindlu zangasese zisikhulule ngoba ngoku akuzufana nakuqala,” uthethe watsho Nyiphi.

Waleke ngelithi kubanzima kakhulu ukuhlala nepotapota endlini xa kukho abantwana.

Uthembise ngelithi bengabahlali bazakuzama ukuziphatha kakuhle ezi zindlu, baqinisekise nokhuseleko lwazo.

Uceba kawadi 86 uXolani Diniso uthe injongo zabo kukuqinisekisa ukuba iinkonzo zifikelela kumntu wonke. Uthe le projekthi iqale ngoMvulo umhla wama 28 kweye yoMsintsi ukuya kuma ngoLwesihlanu mhla we-15 kweye Dwarha. “Indlu yangasese nganye izakusetyenziswa zizindlu okanye ziintsapho ezintlanu. Abantu bazakuyeka ukuhamba imigama ukuyozinceda ematyholweni. Ngoba ayingabo bonke abazisebenzisayo ezipotapota noxa benazo ngenxa yezizathu zabo ezahlukeneyo. Ubongoze uluntu ukuba luzigcine zikhuselekile.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.