Bekusindwe ngobethole xeshikweni iinkonde kunye neenkondekazi zase Lwandle zibhiyozela usuku ebelibekelwe bona bucala khona ukuze ziviswe kamandi.
Lo msitho, nobubanjelwe kwindawo yolonwabo iHarmony Park Resort, eStrand, ngoLwesihlanu umhla wama 29 kweyoMsintsi, ubuququzelelwe nguceba wendawo uXolani Diniso.
Ngama 50 abantu abadala abathe baxhamla. Phakathi kokunye bathe bondliwa ngezibiliboco, baze baxhotyiswa ngamalungelo abo.
Ephawula ngolo msitho u-Diniso uwuchaze njengomnye wemibhiyozo ethi ibanjwe xa kuzakuphela unyaka ukuzama ukubonwabisa abantu abadala.
“Lo msitho ubujongene nabantu abadala apha kuwadi 86. Yinto esihleli siyenza minyaka le xa kusondele ukuphela konyaka. Siye sibakhuphe bayokonwaba. Eyona njongo yethu kukubabulela ngegalelo labo ekuphuhliseni ingingqi yethu. Sibathatha nje ngezisele zenyathi, ngoba olulwazi sinalo namhlanje silincance kubo,” uthethe watsho uDiniso.
Ukwachaze lo msitho nanje ngobunemfundiso ezigxile kubantu abadala.
Uqhube wathi, lo msitho ubuhanjelwe ngamagosa asuka kwisiXeko saseKapa kwicandelo lezentlalontle nophuhliso loluntu (Department of Social Development), nathe axhobisa abamakad’ ebona ngamathuba abanawo nanje ngokuba uninzi lwabo lixhamla kwinkonzo zelisebe.
“Sakukhumbula ukuba uninzi lwabo imali yabo isebe beliyifaka kwibhanki yakwa African Bank, ibeyiyo ebanikayo. Ngoku into ebebeyixelelwa kukuba umntu uyakwazi ukuya kwi-ofisi zakwaSASSA ayoyitshintsha abanike iinkcukacha zakhe zebhanki ukuze ifakwe ngqo ekhadini lakhe imali. Lonto yenza ukuba bangabambezeleki bathathe ithuba elide belindile. Ukanti bebekwafundiswa nangeendlela abazibona ngayo xa bexhatshazwa ngabantwana okanye abazukulwana. Ukanti bebekwafundiswa nangendlela yokufaka isicelo se- foster care,” uthethe watsho uDiniso.
Uthe yonke lento yenzelwe ubabonisa ukubaluleka kwabo ekuhlaleni.
Omnye womama nobeyinxalenye yolusuku, uNozukile Rhatshaza (78), uchaze oluhambo nanje ngebelimnandi kakhulu. “Yho bekumnandi kakhulu pha. Siye satya, sancokola singabantu abadala sakhe salibala nangezingxaki zethu sinazo ezindlini. Saxelelwa ke nangamalungelo ethu singabantu abadala ukuba singabavumeli abantwana basixhaphaze,” uthethe watsho uRhatshaza.
Ngama R40 000 athe asetyenziswa kulo msitho, utshilo uDiniso.