Acela uncedo amaxhoba

Isemaxongo imeko kubahlali bamatyotyombe iCovid, eMfuleni, emva kokuba betshelwe ziihoki zabo kwiveki ezimbini ezidlulileyo.


Isemaxongo imeko kubahlali bamatyotyombe iCovid, eMfuleni, emva kokuba betshelwe ziihoki zabo kwiveki ezimbini ezidlulileyo.

Ngama 200 amatyotyombe atshe aluthuthu, kwashiyeka abantu abangama 410 bengoodingindawo, kwesi sithwakumbe, logama bebabini abathe baphulukana nemiphefumlo yabo.

Ngexesha iCity Vision ityelele le ngingqi ngoLwesine umhla wesine kuTshazimpunzi, ibinguphantsi naphezulu abanye besakha amatyotyombe abo, ngelixa abanye bebesonge izandla begcakamele ilanga ngelithi abazi ukuba benze njani.

Omnye wamaxhoba uThembeka Mveku uthe inkal’ ixingetyeni kuye nosapho lwakhe.

Uhambise wathi uphulukene nayo yonke impala ebenayo. “Ndiphelele kwezi zisesiqwini. Ezinye zazo ndiziphiwe ngabantu. Ngemini yomlilo ndavuswa ngumntwana wam okhubazekileyo, wabe esithi ‘Mama kuyangxolwa, kuyatsha’. Eneneni ndiye ndavuka ndakroba phandle ndabe ndiwubona umlilo kodwa wabe usekude. Ndiye ndabeleka umntwana ndayokumgcinisa komnye wabahlobo bam ohlala ezindlini [zesitena] kwalapha kufuphi,” ucacise watsho uMveku.

Waleke ngelithi uye washiya etshixile ehokini yakhe. Ukanti uthe xa ebuya wafika abanye babahlali abakude kufuphi nendawo yexhwayela bethuthele iimpahla zabo eyadini yakhe. Uthe akhange akwazi nokungena kwakhe ngenxa yemihohoma yeempahla ibingcwalise iyadi de yavala nomnyango.

“Ndithe ndisajonge leyo kwafika umoyakazi omkhulu, noye wadudula umlilo ngokukhawuleza wade wazokufika kule yam ihoki. Khange ndikwazi nokuyivula ngoba kaloku khukho iimpahla eyadini. Nezinye zezompahla bezibekwe eyadini yam zitshele apho,” utshilo Mveku.

Uthe okwangoku usahlala kumhlobo wakhe ngelixa umntwana emgcinise kwisihlobo sakhe kwaLanga.

“Andinayo kwanto njengokuba ndihleli apha, nkqu nomnxeba wam wasesinqeni utshile. Sicela amalizo kubantu bonke jikelele, basiphe noba zimpahla zokunxiba kunye nezinto zokwakha,” ubongoze ngelitshoyo.

Uqhube wathi ikhona imibutho ebifikile yabapha ukutya kunye neematrasi.“Inye nje into ebuhlungu ngamandla kwesi siganeko kuye kwasweleka abantu abathathu kuquka nomntwana,” ucacise watsho uMveku.

Isithethi samapolisa ephondweni uW/O Joseph Swartbooi uthe kuye kwanyanzeleka ukuba kubizwe iinqwelo zezicimamilo.

“Emva kokuba ucinyiwe umlilo, zithe izicimamlilo xa zihambahamba zijonga zabona imizimba emibini enkunkumeni. Ngumzimba wendoda (28) kunye nomntu wasetyhini (25) nabachazwe nje ngababhubhileyo ngabantu bezoncedo,” uthethe watsho uSwartbooi.

Waleke ngelithi kwenziwa uphando ngesi siganeko.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.