Belubhalw’ ebusweni usizi kumaxhoba omlilo kwindawo yamatyotyombe i-Borcherds Quarry eLusaka, eNyanga, emva kokushiyeka engooding’ indawo kulandela isihandiba somlilo ngoLwesine umhla we 10 kweyoKwindla.
Ngama 56 amatyotyombe athe atshatyalaliswa ngumlilo, xeshikweni ingabantu abangaphaya kwe 180 abathe bashiyeka bebambelele ezidleleni, bengazi ukuba bazakuthatha ntoni badibanise nantoni ukubuyisela ubomi babo esiqhelweni.
Lo mlilo kurhanelwa ukuba uqalwe ngumfana ongaphilanga ncam ngokwasengqondweni. Oku kwenzeke ngexesha ebetshisa ihoki yakhe, zitsho ingxelo.
Omnye wamaxhoba uSipho Ngxito uthe usele kuphela nempahla ayinxibileyo.
Ephefumla ngalo mlilo uthe: “Lo mlilo uqale emini ngentsimbi yokuqala, ngeloxesha bendingekho ndisemsebenzini. Ndithe ndibuya mna emsebenzini ndafika ihoki yam sele iluthuthu, zonke izinto zam zitshele ngaphakathi,” utshilo uNgxito.
Waleke ngelithi ayikokokuqala isiganeko esikumila kunje sisenzeka kula ngqingqi.
“Ukuba ndikhumbula kakuhle sisiganeko sesithathu esi sitshelwa oko ndabalapha. Ndineminyaka engama 22 yonke ndihla kule ndawo. Ukuba ndibala kakuhle yinto engapha kwesibhozo sibalwa sithenjiswa ngezindlu,” uthethe watsho. Uqhubeke wathi bengabahlali bafuna ukwakhela izindlu nokuba kuphi na.
Uthe okwalomzuzu angenandawo usahlala ebukhweni. “IsiXeko salile ukusivulela amaholo ngelithi umthetho karhulumente awubavumeli ngenxa yentsholongwane ikhorona. Amanye amaxhoba acelelwe ecaweni ekwalapha ukanti abanye bahlala ekhonteyineni nesetyenziswa nje ngeholo loluntu”.
Uceba ka Wadi 40, nequka le ngingqi, uBongani Ngcombolo uthe akukho nto anayo okanye anonikela ngayo nje ngoceba esuka kwisiXeko nanjengoko kwayekwa ukunikiswa ngezixhobo zokwakha kubantu abatshelweyo.
Ephawula ngombandela wolwakhiwo lwezindlu, uNgcombolo ugxeke isebe lokuhlaliswa kwabantu ephondweni ngokurhuqa inyawo.
“Abahlali base Borcherds Quarry bayinxalenye ye Airport Precinct Housing Project eyasungulwa ngomnyaka ka 2019 umphathiswa isenguBonginkosi Madikizela. Xa yayiqala la projekti kwakuthiwe izoqala kukhutshwe abantu eKanana basiwe ezindlini e-Forest Village kuyiwe nakwezinye iimbacu ezinxuse uhola wendlela uN2,”uthethe watsho.
Isithethi sesebe lokuhlaliswa kwabantu ephondweni uMarcellino Martin ugqinile ukuba le ngingqi iphantsi kwe Greater Airport Precinct Development, neqhubekayo nophuhliso. Uthe belisebe kunyanzelekile ukuba balandele imigaqo nemiqathango ebekiweyo, watsho esithi iyonke le projekti basayihlalele.
“Emva kokuba silandele yonke imithetho efanelekileyo singaqala ngokuwenza indlela sifakele nemibhobho yamanzi kwakhiwe izindlu. Kodwa ukwenza zonke ezinkqubo nokulandela le mithetha ifanele ukuba ilandelwe phambi kokuba kwakhiwe ingayithatha into engangeenyanga ezili 18 ukuya kuma 24 phambi kokuba igqitywe,” utshilo.
Waleke ngelithi kulindeleke ukuba kwakhiwe izindlu ezingaphaya kwe 10 000.