I-Cawa yeWorshippers of Christ yaseNomzamo ibibambe inkonzo “yokutyala” nalapho ibifaka imbewu nekulindeleke iziqhamo zayo zivunwe ekupheleni konyaka.
Njengenxalenye yale nkonzo, amarhamente athi acele, athandazele iizinto azifunayo ekupheleni konyaka, ukanti ebephume ngobuninzi ukuza kwenza izicelo neminqweno yawo yonyaka ngeCawa umhla we8 kweyoMqungu.
Inxalenye yamarhamente athe abhala iileta ecela uThixo awancede ekufezekiseni iminqweno kunye namaphupha awo ebudeni bonyaka.
Kuthiwa ukuze uluntu luvune isivuno esi siso, kufuneka lunike imbewu ithuba eloneleyo emhlabeni ukuze likwazi ukunkcenkceshela nokuhlakula.
U-Bishop Xolani Bomvana uthi basoloko beyibamba rhoqo le nkonzo, kwaye bayeyamanisa nezithembiso kunye neminqweno abantu abathi bayenze ekuqaleni konyaka.
Uthi okwabo kukubongoza uluntu ukuba luzise izicelo zalo phambi kobuso bukaThixo ukuze zifezekiseke.
U-Bomvana uhambise wathi uninzi lwabantu lucela lukwanqwenela izinto ezibalulekileyo ezifana nemizi, ukwakha amakhaya, imitshato kunye namandla okufundisa abantwana.
“Besifaka iimbewu esilindele iziqhamo zayo ekupheleni kwalo nyaka. Kubalulekile ke umntu xa etyalayo atyale ngexesha elifanelekileyo ukuze anike imbewu ixesha eloneleyo ukuze, kumane kuthelelwa amanzi, kubekho ikhula kuhlakulwe, ukuze kufike ixesha lokuvuna kuvunwe isivuno,” utshilo uBomvana.
“Eli gama linokutyala ligama elithi resolutions ngesingesi, zezi zinto siziphetheyo, kwaye kufuneka sizikhwazile ngomlomo ngoba lithi ilizwi leNkosi umlomo uyadala. Kufuneka sizikhwaze ngemilomo yethu, zithi zihlala ezintliziyweni zethu njengamaphupha esifuna uphele unyaka sizifezekisile sibenosuku esizibethelela ngayo ezintliziyweni zethu,” utyatyadule watsho uBomvana.
Uhambise wathi ngalomhla bebebhala incwadi bezibhalela kuThixo nalapho bakuthi balindele kuye iimpendulo kwezo zinto zohlukahlukeneyo bebezicelelile.
“Umntu lento ayicelayo makayiphile kuye ngaphakathi. Ukuba ucela umzi, yiba nomfanekiso ngqondweni wakho uwakha kwaye lonto mayiphile apha kuwe ngaphakathi,” utshilo uBomvana.
“Ukuya eCaweni lonto ivuselela lento ihleli ikuwe ngaphathi. Lilonke umntu nomntu kubalulekile ahlale enaso isazela ukuze abone oko akutyalileyo kufezekiseka ekupheleni konyaka,” uqwele ngelitshoyo.