“Akulaleki. Kona ukutya akusenayo nencasa.”
Lawo ngamazwi omzali odandathekileyo, emva kokulahleka komntwana wakhe oyintombi ukusukela kwinyanga ephelileyo.
U-Lindiwe Macingwane, waseMau-Mau, eNyanga, uthi akasalali buthongo behlayo kulandela ukuduka kwentombi yakhe u-Elona Sombo (onama 20) eminyaka. Ngokwengxelo, le ntwazana yanyamalala ngomhla wesibini kwinyanga yoMnga.
U-Macingwane uhambise wathi intombi eza emva ko-Elona yagqibela ukuncokola naye ngomhla wesihlanu kweyoMga kwikhasi lezonxibelelwano uFacebook.
Logama into ekumila kunje ingaqali ukwenzeka, uMacingwane uthe sele lilide ithuba ingabonakali intombi yakhe, nto leyo ibangela inkxalabo.
“Ndathi ndakuba nexhala lokungabuyi kwakhe emva kwentsuku ezimbini, ndacela loo uza emva kwakhe amkhangele ukuba uphi na. Wathi xa bencokola kuFacebook wamxelela ukwiGuest House usalinde imoto yokumgodusa, kwabe kukumgqibela kwethu oko,” utshilo uMacingwane.
Umama ka-Elona uthi intombi yakhe ibimane iyenza lento yokuduka iintsukwana iphinde ibuye, kodwa ibibaxelela ukuba isahleli kakuhle apho ikhoyo.
“Ndingumntu ebemane emjonga nakuWhatsApp wakhe aphendule, kodwa kwesi isihlandlo ndithe ndakujonga ndabona umyalezo wam awuphumeli. Andiziva kakuhle oko, kwaye ingathi ikhona into emehlelyo noba yintoni na, akufani namanye amaxesha aqhele ukuduka ngawo,” utshilo.
U-Macingwane uqhube wathi intombi yakhe yalahleka into eyileyo kwiiveki ezintandathu kwilixa elidlulileyo, kodwa yaphinda yafumaneka nalapho yathi ibisezitshomini.
Uthi ngeloxesha yayineminyaka elishumi elinesithandathu (16), kodwa zange ibe iphinde ilahleke ithuba elide kangako.
“Ndiyahlala naye phantsi ndincokole, ndide ndithi xa ehambile ezazi akazokubuya makatsho kuthi siyazi lonto. Into yakhe yokuduka isishiya sisexhaleni ngeyona ndlela ngoba zininzi izinto ezenzeka kubantwana abangamantombi, kwaye ilizwe libi ngoku,” utshilo intliziyo isukile esihlalweni.
Ukwathe xa bezama ukutsalela umnxeba wakhe wasesinqeni awuphumeli, kwaye sebehambe indawo ezininzi belandela umkhondo wabantu abathi bebembonile babuye nelize.
“Kungoku nje andiyazi neyokuqala neyokugqibela. Andifuni kubizwa kuthiwa mandiyofanisa umntwana wam, kwaye ndinqwenela atshitshe ezindlela zakhe ngoba andiyazi eyona ngxaki yakhe yintoni na,” waleke ngelo uMacingwane.
Abafana abatsha bale ngingqi nabo baphume iphulo bekhangelana no-Elona, sebeye eKhayelitsha kwakunye naseGugulethu belandela umkhondo womnxeba wakhe kodwa abakabuyi nanto ibambekayo uzokuthi-ga kwesi sigaba.
Livuliwe ityala lokuhlaleka kuka-Elona kwisikhululo samapolisa eNyanga.
Lowo unolwazi uyabongozwa aqhangamishelane noMcuphi uKhonstable Mqhwayi ku 073 734 2611 okanye uKolonel Fadane ku 082 469 7390 okanye umama wakhe ku 076 771 6563.