Akaziwa wayakutshona phi uMalibongwe

Iminyaka ingaphaya kweshumi engasabonakali uMalibongwe Tolo, kwaye abantwana bakhe ibaphethe kabuhlungu le meko yokuduka kukatata wabo.


Iminyaka ingaphaya kweshumi engasabonakali uMalibongwe Tolo, kwaye abantwana bakhe ibaphethe kabuhlungu le meko yokuduka kukatata wabo.

U-Tolo osuka eXhora wayekhe wangumhlali kwaLanga nalapho kuthiwa ngamini ithile kwafika kukhala ibhungane engaziwa noba uyekweliphi icala.

Oku kushiye abantwana bakhe benxunguphele emphefumlweni nanjengoko besamdinga umzali wabo ebomini babo.

Abantwana bakhe babongoza nabani onobanceda ngokuza ngaphambili ukuze badibane notata wabo.

U-Lona Bhojana, ohlala kwaLanga uthi ulwazi abanalo uTolo loo, wayehlala eMaholweni kwaLanga.

“Utata uTolo ngumntana wakuloDabawo wam, kodwa ngendlela le meko ebabethe ngayo abantwana bakhe ibuhlungu. Ukugqibela kwethu ukuva kuthiwa umtnu wayehlala naye, wafika kungekho neempahla zakhe apho wayehlala khona eMaholweni kwaLanga,” utshilo esibalisela.

“Ndithi sendihamba endleleni ndimane ndijonga abantu basecaleni kwendlela ingathi ndingambona nangoku ndingamaziyo. Ndithi umntu secela ukutya noba kokokugqibela ndiyamnika ngoba andiyazi nokuba ayinguye na lomntu simfunayo,” utshilo ebukhathazeka uBhojana.

U-Yongama Tolo, unyana omkhulu kaTolo uthi kudala efunisa ngotata wakhe ngoba usamdinga ebomini bakhe.

“Kubuhlungu kakhulu ukulahlekelwa ngumzali ungayazi noba ukweliphi icala. Ndicinga kubhetele xa umazi wasweleka ube ukwazi ukukhomba apho alele khona, hayi avele angaziwa nje,” uleke ngelo uYongama.

U-Yongama onama 28 uthi usakholelwa utata wakhe usaphila ntonje ikhona lento yamvelelayo okanye isambambileyo apho akhoyo.

“Kubuhlungu kakhulu ngoba nezinto zam azihambi kakuhle apha ebomini. Kodwa ndimane ndiziqinisa ngelithi ngenye imini uzakubuya. Ndisenethemba usaphila utata wam, kwaye sicela nobani onokwazi ukusinika umkhondo wakhe enze njalo,” utshilo uYongama.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.