Kulindeleke uluntu luphume ngobuninzi uyokubukela itumente yezemidlalo kwibala laseLwandle kule mpelaveki. umfanekiso: ngowabucala


Kulindeleke ukuba agcwale ame ngeembambo amabala ezemidlalo aseLwandle xa kuqhutywa itumente yezemidlalo kule mpelaveki, ukususela ngoMgqibelo (umhla wesine kweyoKwindla).

Le tumente, nebizwa ngokuba yi-ward 86 Sport Festival, izakuquka phantse yonke imidlalo kuquka ibhola ekhatywayo, umbhoxo, umnyazi, ukubaleka, ukuphakanyiswa kweentsimbi zizigantsontso zamadoda, amanqindi kunye nemithambo.

Ngenxa yokhuseleko olungqingqwa, amanqindi, awasayikudlalwa kule mpelaveki.

Ngokwabaququzeleli, bazakuthi balandele yonke imiqathango egunyazisa itumente yamanqindi ngaphambi kokwenza isigqibo.

Ngokunjalo nombhoxo awuzodlalwa nanjengoko amaqela embalwa.

Kungoku nje amaqela abantwana abaminyaka ingaphantsi kweshumi elinambini sele eqalile ukudlala, ukuze aye kukhiqo ngoMgqibelo phambi kokuba kudlalwe imidlalo kamagqibela kankqoyi ngeCawa umhla wesihlanu.

Umququzeleli wale midlalo nokwayinxalenye yezemidlalo kule ngingqi uJerry Bobi uthi sebequle balingangatha, belindele impelaveki ezakutakisa iintlantsi.

“Imbiza yethu esiyipheke phandle ngomlilo wenkuni hayi amalongwe iza kakuhle ndithetha nawe nje. Umhla wesine nowesihlanu izakusuka ihlale, kwaye silungiselele yonke imeko enokuthi ivele ngale mini,” utshilo uBobi, ezingomba isifuba.

“Abantwana kunye nabantu abadala sibafuna baphume kangangoko bayokonwabele intlaninge yezemidlalo eLwandle ngalemini. Siyayazi le midlalo izakuqhuba ukuqala kusasa kude kuyokutshona ilanga. Ithi ke lonto nento esiwa phantsi kwempumlo izakufumaneka abalandeli bangabinaxhala,” utshilo uBobi.

Ukanti kulindeleke ukuba amagqala alengingqi abonakalise izakhono zawo xa etshayelela inkundla.

Ngalemini kulindeleke kudlale amaqela angaphantsi kweshumi elinambini kunye nangaphantsi kwishumi elinesithandathu, namaqela okuqala asekuhlaleni.

Imbaleki zona zizakuthi zivane amadla kumgama ozikhilomitha ezi 10.

Aboncedo lokuqala, ukhuseleko bazakube beme bume belindele nayiphi na imeko enokuthi ivele, uthembise ngelo uBobi.

You need to be Logged In to leave a comment.