Amanye amaxhoba omlilo eThembeni aphethe iziqhuma zawo zempahla nayiphiwe ngamalungu ombutho iSinikithemba.


Bebengayivali imilomo abahlali bamatyotyombe baseThembeni eNomzamo ngexesha bebefumana iimpahla kunye neebhedi beziphiwa ngamalungu ombutho iSinikithemba ngeCawe umhla we 14 kuCanzibe. Oku kususela emva kokuba kutshe amatyotyombe angaphaya kwama 60 kwashiyeka abantu abangapha kwe 100 bedinga indawo ngoLwesithathu umhla we 10 kule nyanga.

Phakathi kwamatyoyyombe atshileyo, kutshe kwabhubha abantu abathathu bosapho olunye kuquka umntana oneminyaka emibini.

Omnye wamaxhoba uNoluvo Dyantyi ubulele kakhulu kulo mbutho, watsho esithi bekunzima kakhulu kuye.

“Ndashiyeka ndingenanto ngoba andizange ndikwazi nokukhupha kwanto. Lo mlilo waqala ekuzeni kusa ngoLwesithathu. Mna ndothuka sele ukufuphi kakhulu kule yam ihoki ndaphuma ndabaleka. Ndiphelele kwezi ndizinxibileyo,” uthethe watsho uDyantyi.

Uye wabongoza nabanye abantu abakwaziyo ukunceda ukuba baze ngaphambili.

Uthe akazazi nokuba uzakuthatha ntoni adibanise nantoni.

“Eyam ihoki andikayokhi ngoba andinazixhobo zokwakha. Okwangoku ndisahambe ndiqhusheka intloko kwizihlobo. Ndizoqhubeka ndimane ndiqokelela izixhobo zokwakha ndiphinde ndiyivuse,” uthethe watsho.

Ongumququzeleli walo mbutho uThembeka Soldat uthe babone kufanelekile ukuba bafake isandla ukuzama ukunceda abo bathe bangamaxhoba omlilo. Uthe bengamalungu ombutho yinto abahlala beyenza njalo kwiLwandle jikelele.

“Sibaphe iimpahla ezahlukeneyo nalapho umntu ebekhetha ezo azifunayo. Injongo yethu kukubonisa uthando kunye novelwano kwiintsapho ezo ezithe zangamaxhoba omlilo, ingakumbi kule iye yashiywa ngamalungu osapho lwayo. Sithi siyabakhuthaza kwaye sibabongoza ukuba bahlale ethembeni,” uthethe watsho uSoldat.

Uye wabongoza nabanye abantu abakwaziyo ukuba baphose esivivaneni.

Ephawula ngesi sehlo somlilo isithethi samapolisa aseLwandle uSgt Mthokozisi Gama uthe ityala elingqina ukuba aba bantu abazifelanga (inquest docket) livuliwe. Uthe lo mlilo waqala ngentsimbi yesibini ngentseni. “Kusweleke usapho lwaseMalawi. Ngu mama no tata kunye nomntana oneminyaka emibini ezelwe.

You need to be Logged In to leave a comment.