Abahlali bakwaLanga basothukile emva kokubona umzimba wenenekazi udada emfuleni.


Baxhalabile abahlali kwaLanga yinto abayichaza njengezinga eliphakamileyo lobugebenga.

Ngaxeshanye, bakwahlabe ikhwelo kwinkonzo yesipolisa kula mmandla ukuba lingenelele.

Oku kulandela isihelegu sokubulawa kwabantu abathandathu kwiziganeko ezahlukeneyo.

Enye yeenkokheli zale ngingqi nezichaze njengo Ngconde, kuba isoyikisela obayo ubomi, ithe beziinkokheli bahleli ubomi bentshontsho ngenxa yezidubedube ezenzeka ekuhlaleni.

Uchaze uLanga nanje ngendawo eyoyikekayo nedume ngeziganeko ezingaginyisi mathe.

“U-Langa akasafani ngoku. Kuyabulawana apha akudlalwa. Ingxaki ke kuzo zonke ezi ziganeko zenzekayo akukho mntu ude aze ngaphambili achazele amapolisa akubonileyo. Umntu udutyulwa phakathi kwabantu kodwa xa kubuzwa ebantwini abantu abazi ngaphambili nangxelo,” uthethe watsho.

Uqhube wathi nabo beziinkokheli akusekho lula ukuba bathethe nje phandle ngokukhululekileyo. Uhambise wathi beziinkokheli zakwa Langa bazakudibana namapolisa ukuzama ukushukuxa lo mcimbi wokudutyulwa nokuhlatywa kwabantu ukuze kukhangelwe izisombululo. “Sibize intlanganiso ekhawulezile kunye namapolisa namhlanje (Lwesibini umhla we 15 eyoMdumba). Umba bobu bundlobongela buqatseleyo apha kwaLanga. Sizama ukufumana amacebo okulwa lobhubhani mngaka. Into engamandla kukwakha unxibelelwano phakathi kwabahlali kunye namapolisa ngoba siyabona ukuba kukhona ukungathembani,” uthethe watsho uNgconde. Ngaxeshanye ubongoze abahlali ukuba bayeke ukuthathela umthetho ezandleni zabo.

Isithethi samapolisa akwaLanga uKapt Nondumiso Paul uzingqinile iziganeko zokubulawa kwabantu ngempelaveki, watsho ebongoza abahlali ukuba basebenzisane namapolisa ukuzama ukulwa ubundlobongela obugqubayo kule ngingqi. Uthe zonke ezi ziganeko zenzeke ngoMgqibelo umhla we- 12 kunye nange Cawa umhla we- 13 kweyo Mdumba.

“NgoMgqibelo ngentsimbi yesihlanu malanga amapolisa adliwe indlebe ngabahlali malunga nomntu obulewe eNew Flats. Kutyholwa ngelithi umfi udutyulwe izihlandlo eziliqela emzimbeni ngabantu abangaziwayo. Uye wabhubhela apho.

“ Ukanti kwakwesinye isiganeko kwangoMgqibelo njalo, ngentsimbi yesibhozo ngorhatya kufunyenwe umzimba wendoda udunduluzile unamanxeba okuhlatywa eZone 26,” utshilo uPaul.

Uqhubeke wathi ngentseni yange Cawa umhla we-13 kweyoMdumba amapolisa afumene ingxelo ethi kukho umfana ohlatyiweyo, noye wathathwa wasiwa kwiziko lezempilo iVanguard eBonteheuwel nalapho aye waswelekela khona.

Ukanti kwesinye isiganeko ngentsimbi yethoba kusasa amapolisa abejikeleza eZone 20 abone umzimba wendoda nobusele ubanda unemingxunya emibini yembumbulu kulo mzimba ungentla nalapho kuye kwafunyanwa amakhoba amabini ecaleni kwesidumbu.

“Umfi uye wachazwa nanje ngomqhubi wezithuthi zikawonke-wonke kwalapha kwaLanga ongama lingu Nceba Msini nohlala eBlock C, Old Flats. Ukanti kwangaxesha nye kuye kwafunyanwa umzimba womntu obhinqileyo kumfula okude kufuphi nendlela iJakes Gerwel. Kutyholwa ngelithi lo mzimba ufunyenwe ngabahlali unamanxeba. Kuye kwabizwa indadi zawukhupha nalapho ebehamba ngaze nekukrokreleka ukuba uqale wadlwengulwa,” uchaze watsho uPaul.

Uqhube wathi lo mfi bekufakwe ingxelo emapoliseni nalapho bekufuniswa ngaye kusithiwa ulahlekile.

U-Paul uthe emva kokuba lo mzimba weli nenekazi ufumanekile kuye kwavakala ingxelo ezithi kukho indoda nengumi wangaphandle ekutyholwa ngelithi iye yabethwa emva koko yatshiswa ngabahlali yasweleka. Le ndoda kutyholwa ukuba yayithandana nomfi.

U-Paul uthe amatyala okubulala avuliwe kwaye asaphandwa. Abantu abanolwazi bangatsalele umnxeba ku 086 001 0111

You need to be Logged In to leave a comment.