Iqaqobana labazali bamakrwala aphuma kwaLanga adibene kwiholo lezamagugu nenkcubeko iGuga Sthebe, nge Cawa umhla wesithandathu kweyoKwindla, ngenjongo yokwabelana ngamava okoluleka oonyana ababuya esuthwini.
Lo msitho, nobuququzelelwe ngamalungu egqiza i- Embo yakwa Langa, uphele ngazwinye abazali bevakalisa ukuyithakazelela le ndibano.
Oyintloko kwicandelo lwezemfundo kunye nophuhliso kulo mbutho uMawonga Labase ukhankanye ukuba bengamalungu ombutho owabo umsebenzi kukujongana namakhwenkwe xa esesuthwini.
Waleke ngelithi ngenxa yokubona izinto ezenziwa ngamakrwala nendlela aziphatha ngayo baye babona kunyanzelekile ukuba bangenelele.
Oku kulandela isiganeko sokubulawa kwenkrwala uMiso Mandla ngu gxa wakhe (“Man killed for brandy” City Vision 24 February).
“Siqaphele ukuba kumakhaya amaninzi abafana bakhuliswa ngoomama bodwa akakho umntu ongutata. Ngamanye amaxesha siye sifumanise kwa eli krwala belisiwe entabeni ngumama walo xa libuya lizenze indoda kulo mama walo lingamhloniphi,” uthethe watsho uLabase.
Wongeze ngelithi ubudoda abupheleli nje entabeni. Uqhube wathi kubalulekile ukuba nalapho umntu ahlala khona azibonakalise.
Ukhankanye isimilo nanje ngeyona nto athi aphulukane nayo ngokukhawuleza amakrwala amaninzi.
“Ibalulekile indlela yokunxiba ekrwaleni, kwaye akuvumelekanga ukuba lihambe ngobusuku. Siyohluleka ke ukuthetha nawo ngoba uthi xa uthetha nawo uzama ukuwabonisa suke bayokuxela koomama babo,” ucacise watsho.
U-Labase uhambise wathi bengumbutho bayabakhuthaza abafana ukuba banyamezele esikolweni. “Siyabakhuthaza ukuba banyamezele esikolweni bangathi basakuba ngamadoda bayeke isikolo. Ukanti nabo bangafundiyo siyabakhuthaza ukuba bazame babenento abayenzayo ezokubagcina bexakekile ngoba xa bengenzinto kulapho baqala khona ukugila imikhuba,” ucacise watsho.
Umzali u-Weziwe Khohli uchaze le ndibano nje ngenemfundiso nekhuthazayo. Uqhube wathi bona bengoomama uninzi lwabo abayazi ukuba kufanele benze njani xa bethetha noonyana babo.
“Kunzima kuthi uthetha nekrwala ngoba awuyazi lento ayenzayo noba zimfundiso abazifumene ehlathini okanye bayazenzela na. Indibano ezinje zenza kubelula ukunxibelelana nabanye abazali ingakumbi abangootata nalapho uye ubuze khona xa ungaqondi,” utshilo uKhohli.
Waleke ngelithi kungangcono ukuba intlanganiso ezikumila kunje zingamane zisithi gqolo ukukwenzeka.
Uye wabongoza nabanye abazali abanamakrwala ukuba baze kwintlanganisa ezikumila kunje.