Babuye bephila ooxholovane

Ibiyimivuyo neemincili kubahlali baseGugulethu neziphaluka ngethuba kusingathwe umgidi weqela looxholovane (amakhwenkwe amakhulu, oophopho, izinto ezidla umthuma zithi yipesika) kwiholo loluntu iKhwezi ngoLwesihlanu umhla we-15 kweyoMnga.


Ibiyimivuyo neemincili kubahlali baseGugulethu neziphaluka ngethuba kusingathwe umgidi weqela looxholovane (amakhwenkwe amakhulu, oophopho, izinto ezidla umthuma zithi yipesika) kwiholo loluntu iKhwezi ngoLwesihlanu umhla we-15 kweyoMnga.

La makhwenkwe, nangene ngolweSibini umhla wesixhenkxe kweyeNkanga, abuye onke engabikwa hlaba. (“Woluse iqela loxholovane umbutho”, City Vision, 16 November).

Ngama 41 ewonke amakhwenkwe, noninzi lwawo aphuma kumakhaya angathathi ntweni nasuka kwiingqingqi ezahlukeneyo apha ku masipala ombaxa waseKapa, athe oluswa ngumbutho wolwaluko iSomagwaza ngaphandle kokunyeka intlawulo.

Omnye wabazali obenonyana oyinxalenye yamakrwala uSicelo Mhlapho akawuvali umlomo ngomsebenzi owenziwe nguSomagwaza.

Uchaze eli phulo njengeliluncedo kakhulu ekuhlaleni, watsho esithi unqwenela ukuba liqhubeke lincede nabanye abantwana.

“Andiyazi ukuba ndingathini, hlobo eli ndonwabe ngalo apha ngaphakathi kum. Lo ungene apha ngumtshana wam onama 33. Ibingumnqweno wethu ukuba naye angoluka afane nabanye abantwana, qha ingxaki asinamandla ngoba asithathi intweni,” uthethe watsho Mhlapho.

Nangona ephila ngemali yenkam-nkam, uMhlapho uthembise ngelithi inxalenye yomrholo wakhe uzakubinza ngayo kuSomagwaza ukuncedisana nalo mbutho ukhule.

“Ndinqwenela ukuba uSomagwaza lento ayenze apha kumntwana wam angayiyeki ayenze nakwabanye abantwana. Into oyenzileyo intle kakhulu kwaye akakho umntu obenokundenzela yona,” ubulele ngelitshoyo.

Uceba kaWadi 39 Thembinkosi Mjuza uchaze lo msitho nje ngoyimfundiso. Ubambe ngazo zozibini kuSomagwaza ngendima ayidlalileyo ukuphucula impilo yala makrwala.

Ukwabongoze urhulumente wephondo kunye nomasipala ukuba bafake isandla ukuxhasa lo mbutho ukuze ukhule.

Uchaze injongo yolwaluko njengenyathelo lokukhulisa abantwana abangamakhwenkwe.

“Susela ngoku bazakutsho bahlonitshwe nasekuhlaleni ngoba bangene kwelinye inqanaba. Nabo bazakutsho bakhululeke. Ndikwabulela nakubahlali ngentsebenziswano yabo,” utshilo uMjuza.

Umseki kaSomagwaza uSikelela Zokufa uthe yimincili kuye ukubuya namakhwenkwe esaphelele.

Uchaze lo mcimbi nanjengobungekho lula, nothe wanyanzelisa ukuba onyuse iikawusi ukuqinisekisa ukuba yonke into ihamba ngendlela.

“Bebungehli ubuthongo, kunzima nokulala. Ngumsebenzi onzima lo ongenokutsho ukuba uwuqhelile. Bendihleli nje ndinexhala kodwa ngoncedo lwamadoda kunye neentsapho zabakhwetha khange kubenzima kakhulu noko,” uthethe watsho.

Uqhube wathi eyona nto ibinzima, nebimngcikiva ngamandla, kukutya kwabo. Yonke into ibiphuma epokothweni yakhe.

“Ndicela inkxaso nakuye nakubani na okwaziyo ukufaka isandla asincedise. Siyacela nakurhulumente wephondo ukuba aze ngaphambili, sinomnqweno wokuba singa singasebenzisana sonke ukuzama ukukhusela nokunika isidima eli siko,” utshilo.

Ulebele ngelithi injongo yakhe kukunikela ekuhlaleni nanje ngoko abahlali basoloko bethe gqolo bemxhasa minyaka le xa ilixesha lolwaluko.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.