Zishiyeke zibindekile iintsapho ezihlala kumatyotyombe aseTwaiwan, emva kokuswelekelwa ngabantwana yindlela engaqondakaliyo.
Esi sihelegu senzeke ngoLwesine umhla we 13 kweyeKhala.
Ngokweengxelo, ezintsana u-Athanathi Janda (ominyaka mithandathu), usisi wakhe omncinci u-Alunezwa ( ononyaka onenyanga ezine) kunye nomhlobo wabo u-Yibongwe Mahlatshana (ominyaka mithandathu) akucaci ukuba zibulewe yintoni.
Ngokothoba sikutyele, aba bantwana bathe tshalala umzuzwana ukuya kudlala, nalapho babuye khona sele imeko yabo imaxongo.
Kungoku nje amalungu osapho afuna iimpendulo.
Ephawula ngokwenzekileyo, uNomemeza Janda, nongu makhulu ka Athanathi kunye no Alunezwa, uthe basamatshekile sesi siganeko.
Utyatyadule wathi: “Bafike behamba nomhlobo wabo, babe besithi balambile. Ndiye ndafudumeza umbeko obukhona apha endlini, ipapa kunye nesoseyiji, ndabanika batya. Nam ndaziphakela okwam ukutya ndatya. Emva koko baye baphuma kwakhona bayodlala kanye apha ngasecingweni eli linxuse uhola wendlela N2,” ucacise watsho.
Waleke ngelithi itshomi yesi sibini uyayazi, kwaye wazi nomama wayo nanje ngoku esi sithathu besiqhele ukudlala sonke.
U-Janda uqhube wathi umama wabantwana, uZuzeka Janda, ubelele nanje ngoko ebevela emsebenzini – nanje ngomntu ophangela ebusuku.
Uqhube wathi akhange kubekudala simnkile esi sithathu kwangena Athanathi emanzi icala.
“Ungene nje wathi, makhulu ndicela undikhulule. Ndiye ndaphendula ngelithi makangandigezeli uqale nini ungakwazi ukuzikhulula. Waphinda wathi mandimkhulule izihlangu. Ngalo lonke elixesha andikamqapheli ukuba ikhona ingxaki ngoba bebegqibophuma ngoku kungekudalanga.
V LIYAQHUBA KWI KHASI LE 4