Iinkokheli zokuhlala kwindawo yamatyotyombe iMalema, ePhilippi, zibetha ngenqindi phantsi ngelithi lowo utyholwa ngokubulala owayesakuba litshantliziyo, esilwela ikakhulu abantu abahlala ematyotyombeni, uLoyiso Mabandla makabolele ejele.
Bakhala ngelithi into eyenziwa ngumsolwa uZukisa Tshabile (onama 38), kunye nogxa bakhe, imbi kakhulu kwaye linxeba elingasoze liphole kusapho nakwisizwe jikelele.
Kulandela uphando olutsale iinyanga, u-Tshabile unqakulwe ngoLwesihlanu umhla wama 27 kweyeDwarha malunga nokufa kukaMabandla.
Le ndedeba yadutyulwa lahlanza iselwa ngethuba ibambe intlanganiso kunye neenkokheli zamatyotyombe azinze ngakumzila kaloliwe ePhilippi ngoMvulo umhla we-17 kuTshazimpunzi.
Ziinkokheli ezintathu ezathi zalimala ngethuba lolu hlaselo.
Enye yeenkokheli zaseMalema, nengakhange ifune ukuzichaza ngenxa yokoyikisela ubomi bayo, ichaze ukusweleka kukaMabandla njengelahleko enkulu eluntwini, ingakumbi kubahlali bamatyotyombe.
Ithe kususela oko uMabandla walandulelayo eli ubomi azange baphinda bafana nakuqala.
“Into esiyifunayo kukuba uTshabile axele aba bantu wayebulele nabo uMabandla, kwaye basixelele ukuba babethunywe ngubani. Xa bebonke aba babandakanyekayo bafanele kukufela eziseleni. Ngokuya uMabandla wayesaphila abantu abaninzi babephangela apha abanye bengoomantshingilane ukanti abanye becoca kwalapha ekuhlaleni,” ithethe yatsho le nkokheli.
Yaleke ngelithi susela oko waswelekayo abantu abanizni baphelelwa yimisebenzi.
Uchaze uMabandla nanje ngendoda ebinomqolo, eyimela into xa eyithetha. Uthe bengabahlali basematyotyombeni basenyembezana nangoku, kwaye abasoze baxole.
Isithethi soKhetsha ephondweni (Hawks) uZinzi Hani uthe ityala lokubulala kunye namatyala amathathu okuzama ukubulala ayaphandwa.
“Kukholelwa ukuba uMabandla wayecutshiwe ngenxa yendima awayeyidlala ukuzama uthetha nabahlali abanxuse umzila kaloliwe ukuba basuke,” uthethe watsho uHani.
Kulandela ukuvela komsolwa kwinkundla kamantyi yase Athlone ngoMvulo umhla we-6 kweyeNkanga, uHani uthe ityala limiselwe unyaka ozayo. Wangeze ngelithi umsolwa usilaxazile isicelo sakhe sebheyile. “Umrhanelwa uzakuphinda avele kwakhona emaplangeni ngoLwesine umhla we-15 kweyoMdumba kunyaka ozayo,” uvalelise ngelitshoyo uHani.