Bakhaba ngawo onke abaqhubi

Alikacaci ikamva labantwana besikolo sabantwana abaneemfuno ezikhethekileyo sase Khayelitsha (iKhayelitsha Special School) emva kokuphanza kweenzame zokusombulula intsuma-ntsumane ephakathi kwabaqhubi kunye nenqununu yesikolo mayela nezothutho kwesi


Alikacaci ikamva labantwana besikolo sabantwana abaneemfuno ezikhethekileyo sase Khayelitsha (iKhayelitsha Special School) emva kokuphanza kweenzame zokusombulula intsuma-ntsumane ephakathi kwabaqhubi kunye nenqununu yesikolo mayela nezothutho kwesi sikolo.

Kulandela iinyanga zeyantlukwano phakathi kwabaqhubi kunye ne nqununu, kwiveki ephelileyo abaqhubi baphume elubala ngeengxaki zabo, babeka izitshixo phantsi ngelithi boyikisela ubomi babo kunye nabafundi “Zimb’ iindaba eKSS” City Vision 02 November).

Kulandela ungenelelo lwangaphandle abaqhubi baye bathembisa ngokubuyela etorhweni kwiveki ephelileyo, nyathelo elo lithe laphelela eboyeni okwezithukuthuku zenja ngenxa yothotho lwemiqobo emi endleleni.

Ephawula ngeengxaki abajamelene nazo, umqhubi uNkosoxolo Ntoninzi uchaze imeko kwesi sikolo njengengaginyisi mathe.

Ukhale ngokungamanyelwa kunye nezigrogriso abazifumana kwabasemagunyeni. Uthe abanangxaki nokubuyela enkomeni, koko bafuna ukuba izithuthi zibe sendleleni ukukhusela ubomi babo kunye nabafundi.

Utyatyadule ngelithi onke amatiletile abo ukuzama ukusombulula le meko awa phantsi, watsho etyholo usihlalo wesigqeba esilawula isikolo (School Governing Body – SGB) ngokungathembakali. “Uzilibele ukuba ungumzali kwesi sikolo,” utshilo.

Waleke ngelithi kwiveki ephelileyo bavakalise umdla wokubuyela enkomeni ukuba iibhasi zithe zarhafelwa, koko abafumani nkxaso kusihlalo wesigqeba.

Utyhole ngelithi usihlalo ulala ngengub’ enye nenqununu yesikolo, ntoleyo ibangela ukuba angazithathile ngqalelo izikhalazo zabasebenzi kunye nezinto ezibeka ichaphaza isikolo.

“Ungumzali owonyulwa ngabazali ukuba amele iimfuno zabo. Siyarhana ukuba umumathisiwe, ukuba ukhe wavula umlomo uzokomiwa. Uyazazi ukuba azikho sendleleni ezi bhasi kwaye zindala, kodwa akenzinto ngalonto,” utshilo.

Oka Ntoninzi uxele iimeko abasebenza phantsi kwazo njengezitsarhayo. Uthe esi sikolo sinebhasi ezisixhenxe, kwaye zonke azikho mgangathweni. Logama zintathu ezihambayo, uthe akukho nanye erhafelweyo, nto leyo yenza baxakwe kukuziqhuba.

“Sinako ukusola ukuba imali zezothutho azisetyenziswa ngendlela kuba akukho nto iraythi kwaphela kwesi sikolo. U-prinsipali besisoloko simfihla umqolo kwizinto ezingekho rayithi azenzayo ngethemba lokuba izinto ziza kulunga, kodwa ziya ngokuba maxongo,” utshilo.

Ngaphandle kokudiza amahlebo, uNtoninzi uthe kudala ekwesisikolo kwaye kunintsi akwaziyo nakubonileyo kule minyaka. “Uyazazi izinto ezingekho mthethweni ezenziwa ngumntu xa uhamba naye endleleni,” utshilo.

Uthe umvuzo wakhe wathotywa waya kuhlala kwi R5 000 ngomnyaka ka 2019, kwaye azange uphinde wonyuswe.

Uthe omnye ugxa wakhe, nosele wathabatha umhlala phantsi naye wathi walixhoba lale meko. “Ayonyuki, kwaye asifumani bhonasi,” utshilo.

Utyhole ngelithi kwinyanga ka Tshazimpunzi neka Canzibe azange bafumane mivuzo, yaze yahlawulwa iziziqwempu kwinyanga ezilandelayo. “Yasichana kakhulo lo meko. Ndaphulukana no masingcwabane wam, ndaze ndonyeliseka kwiindawo ezinika izinto ngetyala. Into ebangela lento kukuba urhulumente uyinika imali lomntu uyi proxy yakhe apha esikolweni. Kudala sicela, sinkqonkqoza ukuba siqashwe nathi ngurhulumente ukuze zifumane iibenefits. Akuphileki ngemali eyi R5 000 ngenyanga.”

Ephawula ngolu lwabhice, uHaido Mteto ongusihlalo weqoqo elijongene nemfundo eKhayelitsha (Khayelitsha Education Forum – KEF), ubalule ukuba le nyewe ifike kubo sele kukuninzi okwenzekileyo. Noxa kunjalo, uthe bamaxhaphetshu ukuzama ukufumana izisombululo kwimiceli mngeni ejamelene nesi sikolo, ingakumbi umcimbi wezithuthi zabafundi. “Ezinye zezi ngxaki ayonto inokusonjululwa bumini,” utshilo, esongeza ngelithi inqununu yesikolo ithe yabaqinisekisa ukuba iibhasi ezintathu zikulungele ukuba sendleleni, logama ezinye zisalungiswa. “Sicelile ukuba ziprintwe iziqinisekiso zokuba ezibhasi zikulungele ukuba zibe sendleleni, kodwa akhange sizibone ngamehlo ethu ezo ziqinisekiso.”

Uqhube wathi bathe bacebisa, phakathi kokunye, ukuba kutyunjwe inkampani okanye umntu ozimeleyo ozakuthi ajongane nokulungisa iibhasi zesi sikolo, ntoleyo izakubangela ukuba zijongwe kwaye ziphathwe zizandla ezinye. Ubalule iibhasi zesi sikolo njengezindala. “Inqununu ineminyaka ikhalaza ngazo. Ziyalungiswa namhlanje zonakale ngomso,” utshilo uMteto.

Ebuzwa ukuba kungani isikolo sithathe ithuba elide kangaka ukulungisa ezi ngxaki nangona sifumene imali esondele kwi R800 000 kwisebe lezemfundo ephondweni ukuhlangabezana neemicimbi yezothutho, uMteto ubalule ukuba ngokwengxelo yenqununu enye yemali isetyenziswe ukuthenga ibhasi entsha.

Noxa kunjalo uthe akakhange ayibone le bhasi, watsho ebalula ukuba abalelanga mqokozweni kwiinzame zabo zokusombulula le meko. “Oko ithe yafika kuthi senza konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba abafundi babuyela esikolweni,” uqhube ngelitshoyo.

Iinzame ze City Vision zokufumana uluvo lwesigqeba esilawula isikolo zife namthanyane. Usihlalo wesigqeba akakhange awuphendule unomyayi wakhe, logama ekhethe ukuwunyevulela umyazelo ka WhatsApp obuthunyelwe kuye.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.