Ukucinga ngokukhawuleza komqhubi wemoto ethwala imali kukhokhelele ekusindiseni ubomi bakhe kunye nogxa wakhe.
Oku kwenzeke ngethuba oonqevu abebexhobe bef’ amacala bezama ukukhuthuza esi sithuthi kwindawo yoshishino iHarare Square, e Harare.
Esi sithwakumbe senzeke ngomhla wesibini kweyoKwindla kwindlela iNcumo. Kuvakala ukuba oonqevu abangaphaya kwe 10 bathe bavulela ngezulu lezandla kwesi sithuthi kwiinzame zokuphanga imali malunga nentsimbi yesibhozo kusasa. Ingxelo zithi le migewu ibihamba ngezithuthi ezintathu. Kodwa inzame zabo zife namthanyane ngenxa yokuvundla komqhubi wesithuthi semali.
Emva kokuqaphela ukuba kukhona unyawo lwemfene ngethuba abahlaseli besondela kwisithuthi sakhe, umqhubi ubalekele kwisikhululo samapolisa aseHarare.
U-Kapt Siyabulela Vukubi, isithethi samapolisa eHarare, uthi amapolisa aphanda isiganeko sokufuna ukuphanga nokufuna ukubulala emva kokuphanza kwesi siganeko.
“Kangangemizuzu elishumi emva kwentsimbi yesibhozo imoto yemali ibiqhutywa isiya ngaseHarare Square nalapho ithe yahlaselwa ngabarhanelwa ebebehamba ngebhaki ezintathu. Umqhubi wale moto uthe wakuqaphela ukuba bayahlaselwa wabalekela kwisitishi samapolisa eHarare,” utshilo uVukubi.
“Umqhubi wemoto le yemali uthe wafumana umonzakalo kwingalo yasekunene. Khange kubekho mali ithathiweyo ngoonqevu kwaye akukabanjwa mntu uzokuthi ga ngoku,” utsho uVukubi.
U-Funeka Soldaat, usihlalo wesigqeba sokhuseleko loluntu eHarare, usikhalimele kanobomi esi siganeko.
U-Soldaat uthi izixhobo ezisetyenziswa zezi zigila mikhuba ziyothusa, kwaye ziyoyikisa. “Kuyakhwankqisa kakhulu ukufumanisa ukuba kukho abantu abanemipu emikhulu kangaka abahlala nayo ezindlini, kwaye akukhomntu oyithathayo kubo. Uthi wakujonga ngoku ufumanise ukuba oonqevu bakhangeleka ingabona banemipu emikhulu ukogqitha amapolisa,” utsho uSoldaat.
Uhambisa athi amapolisa ngabantu kwaye ngabantwana babantu, nto leyo eyenza kubebuhlungu ubabona bejongene neziganeko ezikumile kunje.
U-Soldaat ukwamemelele ukuhlala ukuba kumanyane ukuze bakwazi ukulwa ubundlobongela obufana nobu.
“Abafana abaveli benze into ekumila kunje. Baqala beze kwezindawo bajonge ukuze bayazi bazakufika benze ntoni. Ukuhlala kufuneka kube ngamehlo neendlebe zamapolisa ngokuthi bachaze abantu abangabaziyo ekuhlaleni kwabo,” umemelele ngelo uSoldaat.
Uqhube wathi ukholelwa ukuba iimibutho yokuhlala kufanele ime ngenyawo ukuze iimeko ezinje zithintelwe.
Amapolisa acela nabani onolwazi aqhakamshelane nawo kwezi nombolo zilandelayo 021 363 9050 okanye Crime Stop 08600 10111.