Abahlali bamatyotyombe iRamaphosa, ePhilippi, bashiyeke bexhalabile emva kodubulwano phakathi kwabantu abaranelwa ngokuba iimoto kunye nho noogada babucala ngoMgqibelo umhla we 2 kuTshazimpunzi.
Ngokwengxelo yabahlali, iqela loo nogada lithe lagaleleka kwindawo ibisebenza iqela lamadoda arhanelwa ngobututu beemoto ngethuba ehlinza isithuthi ekukholelwa ukuba besibiwe.
Iingxelo zithi aba nogada bebephuma kumzi othi ufake ubuxhakaxhaka bale mihla kwizithuthi ukuze busetyenziswe ukulanda umkhondo xa imoto ithe yabiwa, i tracker ngolwimi lwasemzini.
Enye yeenkokheli zale ngingqi, nengakhange ifune ukudiza igama layo ngenxa yokoyikisela impilo yayo, ityhole oonogada ngokufika badubule bengabuzanga.
“Ngoko nangoko nabo bakhupha eyabo imipu baphindisa yaba ngulombhodamo kushiyiselwana ngezithonga. Kodwa kuye kwachanwa abafana ababini baze abathathu babaleka,” ithethe yatsho le nkokheli. Iqhube yathi kudala izithuthi ezibiweyo zihlinzelwa kula ndawo. Uhambise wathi bengabahlali abonwabanga ngaba nqevu ngoba bayabatshutshisa. “Kubi apha akukho nto intle. Nathi thina zinkokheli asifunwa ngaba bantu bathi sithi aba basoloko bebiza amapolisa apha. Eneneni iRamaphosa yonakele ngoku ngenxa yaba bantu bamoshayo ngoba kuyabonakala ukuba ngelalixa sasibeka izindlu ngenkani kuba singenazo bona babenezinye iinjongo,” uqhubeke watsho.
Ngethuba iCity Vision ithetha nale nkokheli ngentseni yangoMvulo umhla we 4 uthe abanqevu basanqumamile. “Inoba basajonge imeko ukuba ithini bazokuphinda babuyele. Ngokuqinisekileyo izophela le nyanga sele bephinde babuyela kwakhona,” itshilo le nkokheli.
Isithethi samapolisa ephondweni u-W/O Joseph Swartbooi uthe isikhululo samapolisa aseNyanga akanazo iingxelo ezimayelana nesiganeko esenento yokwenza nodubulwano eRamaphosa.
Uye wabongoza abantu abachaphazelekileyo kwesi siganeko ukubo baye kwisikhululo samapolisa esikufutshane kunabo buvule ityala ukuze amapolisa azokuyilandelela.