Simaxongo isimo kwindawo yabamatyotyombe iNeva-Neva, kwingingqi yaseMarcus Garvey, ngenxa yokugqabhuka kwemibhobho eliqela ehambisa ilindle.
Kungoku nje abahlali bakhala ngelithi baxakwa kukuphefumla yile meko. Ukanti esi sankqange senza kube nzima ukupheka nokutya.
Omnye wabahlali uNosimanye Mkekese uchaze impilo yabo nanje ngengaphucukanga, watsho esithi akasiboni nesizathu sokuvota kolunyulo oluzayo. “Sineminyaka sihlala apha kunje. Le dreyini iyalungiswa iphinde igqabhuke. Oko lonyaka uqalile isenza lento. Ingcono ngoku ngoba kuphumanje amanzi amdaka anukayo. Ngamanye amaxesha kukhe kuphume ilidle uqobo lidade ngaphandle. Engena nje lo ceba ukhoyo, ungena isenza lento, kwaye naye ingathi iyamohlula,” uthethe watsho uMkekese.
Uthe babole bhutyu zizigulo ezosulelayo ngenxa yeemeko abahleli phantsi kwazo.
Uhambise wathi endlini akasawuvuli umnyango ngenxa yesi sankqange. Inuka mpela apha ekuseni, iqwele xa kuthe kwadlula noba yimoto yaze yahamba apha kula manzi amdaka, uliva usendlini ukuba ikhona into ewachukumisileyo,” ubalise watsho.
U-Mkekese, nongumama wabantwana abathathu, uthe bonke abantwana bakhe banezigxala ngenxa yala manzi kunye nesanti emdaka abadlala kuyo.
Uqhube wathi inkoliso yabantu kule ngingqi banolusu oluzele amaqhakuva. Ukanti bahlutshwa zizifuba eziminxanayo ngenxa yokungcola abakufumana apha phandle.
“Sikhe sibenamaxesha sihambise sonke apha kwam ungayazi ukuba kuqhubeka ntoni. Abantwana bam ndihlala ndibachebile ngenxa yokuba banezitshanguba,” utshilo uMkekese.
Ngethuba iCity Vision ityelele le ngingqi ngeCawe umhla wama-24 kweyoKwindla imeko ibimaxongo kakhulu. Ivumba elitsarhayo likukhwaza usiza kude. Inkoliso yamatyotyombe akufutshane ebevalile kodwa kubonakala abantu bakhona ngaphakathi, koko bavalele ivumba. Ukanti idreyini nebiphuphuma amanzi amdaka athwala ilindle ibibila.
Uceba ka Wadi 88, nequka lengingqi, uZukisani Sophazi uchaze ukuphuphuma kweedreyini nanje ngento ejikeleze yonke le ngingqi yeMetro.