Umqolo uphandle kusapho lakwa Nooi, kungoku nje lucela amalizo ukuze lubuyisele impilo esiqhelweni.
Oku kuza emva kokuba uphahla lwendlu lusiphulwe ngumoya ngeCawa umhla wama 24 kweyoMsintsi, xeshikweni kusina iimvula ezinamandla kweli leNtshona Kapa.
Eli khaya, nelihlala abantwana abathandathu, lithe tshitshilili kwindawo yase Mau-Mau, eNyanga. Ngokwengxelo yabantwana, umama wabo undyondya kwezimnyama izisele.
Bephalaza imbilini yabo ngethuba lodliwano-ndlebe ne City Vision, aba bantwana bathe abazi ukuba bathathe ntoni badibanise nantoni. Bakwavakalise inkxalabo ngekamva elimfiliba ukuba akukho Msamariya ulungileyo uvelayo, ngelithi abalazi ukuba libaphathele ntoni ingomso.
Othethela olusapho, nongoyena mdala uNaledi Nooi (21) uchaze imeko yabo nenje ngemaxongo, ingakumbi emva kwesi sihelegu. Uthe bangcucalaza emizini, oku kwethumba, nje ukuze bafihle iintloko. “Le ntlekela yenzeka ngobusuku, emva kwentsimbi ye 11. Sasesilele! Mna nomntana wam (oneminyaka emithathu) sasilele kwelinye igumbi, ngelixa abanye aba babelele kwelinye (abane). Ndeva ngengxolo isithi ‘bhaaa’ ephahleni kanti kuphakama kwamazinki. Ngoko nangoko ndaxhuma ndathatha umntana wam ndaphuma phandle babe nabanye belandela,” utshilo uNaledi. Uqhube wathi waya kumhlobo wakhe kwaphaya esitratweni, ukuya kuphalaza imbilini yabo.
Kulandela eli shwangusha, kwanyanzeleka ukuba balinikele umva ikhaya labo ukuze bafihle iintoko kubamelwane nezihlobo.
Uvakalise ukungaxoli nokungakhululeki kukuhlala esithubeni. “Ingxaki sibaliqela, ngoku ndiye ndibacingele ngoba sizokwandisa inani. Abanangxaki bona kodwa ndim lo unesazela ngoba kaloku kukho nabantwana abancinci. Umzekelo omnye une-17, ababini bane 13 (omnye ngokamakazi), omnye abenesibhozo, izoba ngulo wam one minyaka emithathu. Unoyicinga nje longxolo,” ucacise watsho uNaledi.
Uthe ucela nabani umntu onobanceda abaxhomele indlu yakowabo.
Utyatyadule wathi amandla akanawo nanje ngoko inguye kuphela ophangelayo kweli khaya. “Ndiphangela e-call centre eKapa kodwa amandla andinawo ngoba ikwa ndim ojongene nabantwana ngento yonke kuquka iimpahla zesikolo ukutya njalo njalo,” uthethe watsho.
Uhambise wathi banqwenela ukuba kubekho nje nokuba yindawana elungiswayo kolu phahla, ingakumbi amagumbi okulala, khona ukuze babuyele kokwabo.
U-Naledi, nobe zibambe ngeenkophe inyembezi, waleke ngelithi konakele yonke into eyayisendlini ngenxa yemvula uquka ibhokisi yombane, izitulo, iikhabhathi, umabonakude kunye neebhedi. “Ndiyazibona zonke ezinye izinto ezi zonakeleyo kodwa into nje endiyicelayo luphahla. Linye igumbi elishiyeke linophahla kodwa nalo lonakele ngoba beluphakamile saze sazama ufuna abantu balibethelele,” uqwele ngelitshoyo uNaledi.
Ehlomla kule ngxubakaxaka uceba kaWadi 37 uSandile Martin uchaze le ntlekela njengebuhlungu, watsho esithi naye uyazama ukuhamba ecela amalizo ukuze olu sapho luncedwe.
“Eyona nto ibuhlungu ngabantwana xa bebonke aba bahlala apha akukho mntu mdala. Nangokuhamba behlala mhlawumbi bangaphela begaxeleka ezintweni ezingalunganga,” uthethe watsho uMartin. Uye wabongoza kuye nawuphi na umntu onokwazi ukunceda ukuba aze ngaphambili.