Basele bezilenca amanxeba

Asikaziwa isizeka bani somlilo otshise amatyotyombe angama 27, washiya ama 59 abantu bengenandawo zokufihla iintloko kooBT eSite C.


Asikaziwa isizeka bani somlilo otshise amatyotyombe angama 27, washiya ama 59 abantu bengenandawo zokufihla iintloko kooBT eSite C.

Lo mlilo kubikwa ukuba uqale ezinzulwini zobusuku ngoMgqibelo umhla wesihlanu kweyoKwindla.

Abantu, nabebelele ngexesha kuqala lo mlilo, bavuswe zizijwili kunye nokurhaxwa ngumsi.

Ukanti uninzi lwabantu luthe lwaphukukana nokuninzi kwesi sihelegu, logama kubikwe ukuba kukho umhlali ogcuma ziintlungu esibhedlele.

Lo mhlali, ugama lingachazwanga, kubikwa ukuba iqale kwityotyombe lakhe yonke le mbambano.

Kungoku nje uluntu lwale ngingqi lumaxhaphetshu luzama ukuvuselela amatyotyombe alo.

Umhlali uMaxwell Plaatjie uthi ulahlekelwe kuko konke, kwasinda nje iimpahla awaphuma ezinxibile ngexa lesi siganeko.

“Ndibindekile kakhulu ukutshelwa yindlu yam oluhlobo. Ityotyombe lam belinamagumbi amane linempahla. Kodwa ngalamhla wesi siganeko ndiphume nje nempahla ebendizinxibile ngoba khange ndikwazi kwa usindisa nto,” utshilo uPlaatjie.

Uhambise wathi urhaxwe ngumsi ukuze avuke, wabe esiva abantu bekhala bekhwaza besithi kuyatsha phandle.

“Bendithimla ndaze ndethuka, kucaca ndirhaxwa ngulo msi. Ndithe xa ndijonga ndabe ndibona umsi ungena, nekhethinsi ishwabana, ndakhawuleza ndabe ndivusa abantu endlini ukuze bakhawuleze bavuke njengoko besele sigubungelwe ngumlilo,” utshilo uPlaatjie.

U-Plaatjie, nongumzali kubantwana ababini, uqhube wathi abantwana bakhe batshelwe zimpahla zesikolo kwesi siganeko, kwaye akayazi uncedo lwakuvela ngaphi ngoba akaphangeli.

“Yonke into elapha ndiyiphiwe ngabantu ngoba yonke eyam into itshile. Ndibuhlungu kakhulu, kwaye ndibongoza kulowo unokunceda asincede ngoba sikwembi imeko apha,” ulebele ngelo uPlaatjie.

Uceba wale ngingqi uNtomboxolo Koopman uthe ebengekho ukwenzeka kwesi siganeko, kodwa uye wasiva. Uqhube wathi uyazama ukunceda amaxhoba.

“Nanjengoko nisazi isiXeko asisanikezeli ngezinto zokwakha kungoku nje ndizama abantu abanokuncedisa ngezinto ezifana nempahla kunye nokutya. Sendizamile nokuqhakamshelana noosomashishini basekuhlaleni ukuze bancede kule meko,” utshilo uKoopman.

U-Chantel Alexander, wecandelo elijongene nezentlekele ephondweni, uzingqinile ingxelo zokutsha kwamatyotyombe angama 27 kule ngingqi.

Uthe iinkonzo ezijongene noku zazisiwe ukuze zincedise abo bathe bachaphazeleka kule meko. “Akukho mntu uthe wasweleka kwesi siganeko, kwaye asizokwazi ukuphefumla ngonobangela womlilo,” utshilo.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.