Basinde ziimfefe zoMdali ngethuba imoto ingena endlini

Lusinde ngeemfefe zikaMdali usapho lwamalungu amahlanu kwindawo yamatyotyombe ooBM, eSite B, emva kokuba isithuthi simbonzeleke kwityotyombe labo.


Lusinde ngeemfefe zikaMdali usapho lwamalungu amahlanu kwindawo yamatyotyombe ooBM, eSite B, emva kokuba isithuthi simbonzeleke kwityotyombe labo.

Esi sihelegu senzeke ngobusuku bangeCawa umhla wama 31 kweYekhala, mayela nentsimbi ye 11 ebusuku.

Ilungu losapho u-Miselwa Makhaza (ominyaka ingama 37) ohlala kooBM eSite B uthi ebesabukele umabonakude emva kwentsimbi ye 11 ngexa esiva ingxolo yemoto idudula amatyotyombe akufutshane nendlela iJaphta Masemola.

U-Makhaza, nongumama kubantwana abane, uthi kangangendlela ebothuke ngayo akakhange akwazi nokuphakama kwisitulo ebechophe kuso.

Le moto, nebiqhutywa ngamanenekazi amabini ngabula uMakhaza, ingene kwityotyombe lakhe nelikammelwane wakhe.

Noxa kunjalo u-Makhaza kunye nabantwana bakhe baphume bengenawo nomgruzuko kule ngozi. “Ixesha ibiyi 23:20 ndibukele umabonakude nalapho ndive ngengxolo ndabe ndingayazi noba le moto isuka kweliphi icala. Ndivele ndahlala esitulweni ndijongile ukuba iza kweliphi icala, ngoba ndoyike ukubaleka kanti ndiyozifaka kuyo,” utshilo uMakhaza.

“Ndiye ndakhala kodwa ngenceba zikaMdali khange kubekho nomnye kuthi owonzakeleyo. Simoshakalelwe ziimpahla ezifana nekhabhathi, isikhenkcezisi kunye nento yokufudumeza ukutya,” utshilo uMakhaza, ngentsasa yangoMvulo.

Uqhube wathi kule minyaka isithoba ehlala kule ndawo uyaqla ukufumana ingozi efana nale.

“Uye uthi ungumntu ufuna ukuhlala kufutshane nemoto ukuze ungabane usokola uphumela phakathi kwamatyotyombe. Kodwa zange ndiyicinge eyokuba ndakuba lixhoba kwimeko efana nale,” ulebele ngelo uMakhaza.

Ukwabulele uThixo ngokumsindisa kwingozi engeyimbi nangaphezulu kunokuba kwenzekile. “Le moto ibiqhutywa linenekazi likhwele nelinye. Kubonakala ukuba ebekhawulela imoto, ngokuba ebezama ukuphepha i-Avanza ibisiza wazokungena apha kuthi,” utshilo uMkahaza.

Uhambise wathi urhanela ukuba umqhubi wesithuthi ebezintyintye ngegqabi likalonji nanje ngoko bekunzima nokuthetha.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.