Abahlali besitalato iRuth First eSamora Machel baxakene nobomi emva kokugqabhuka kwedreyini ehambisa ilindle.
Ngokwengxelo yabahlali lo monakalo wenzeka kunyaka ophelileyo kwinyanga yeNkanga, ukanti ubomi babo sele bufana nencindi yekhala yile meko. Batyhola ngelithi le dreyini imoshakala rhoqo, isebenza nje ixeshana iphinde yonakale.
Othethele abahlali kwesi sitalato uNokulunga Mbambisa ubongoze isiXeko saseKapa ukuba sithabathe amanye amanyathelo ukuzama ukulungisa le meko. “Abantu bakamasipala bayayazi ingxaki yale dreyini, qha abafuni kusixelela. Le dreyini ayigqibi neveki ezimbini ilungisiwe iphinde yonakale, kwaye xa yonakele kuba kubi ngoba ilindle liphuma ngaphandle,” utshilo uMbambisa.
Uthe bengabahlali besasitalato, ingakumbi bona bantu bakufuphi kula nyhunyhu, khange bazonwabele iiholide zokuphela konyaka ngenxa yesankqange sevumba.
“Ixesha elininzi sihlala sivalile ezindlini ngenxa yokubaleka eli vumba. Kubanzima kakhulu apha emini ngoba iimoto ezigqithayo zihamba apha zikhwije neeyadi zethu. Sincame sabeka amatye namavili eemoto ukuzama ukunqanda abaqhubi ukuba bangayinyatheli bahambele bucala,” uthethe watsho uMbambisa.
Echaza banzi ngale meko uqhube wathi urhanela ukuba kukhona undonakele kwimibhobho ehambisa ilindle.
“Ayikwazi kaloku nyanga nenyanga kulungiswa into enye. IsiXeko bekufanele ukuba siyikhuphe le mibhobho sifake emitsha mhlawumbi kuzokubangcono. Abantwana bethu abakhuselekanga konke konke yile nyhunyhu sihlala kuyo,” uthethe watsho. Waleke ngelithi ineminyaka engaphaya kwesihlanu le dreyini isenza into enye.
Uceba ka Wadi 33 Lungisa Somdaka uthe unolwazi ngale ngxaki. Uhambise wathi sele eyifakile ingxelo kwabasemagunyeni ukuze ilungiswe. “Sinengxaki nesitishi apho imibhobho yelindle igalela khona apha eSamora. Kufumaniseke ukuba i-valve zempompo zesisitishi bezingakhathalelwanga zingasalungiswa. Kodwa ke ndiye ndaqhakamshelana nabantu abasemagunyeni nabajongene ncakasana nesasitishi,” utshilo, walebela ngelithi kulindeleke ukuba undonakele ulungiswe ingaphelanga iveki.
Ngaxeshanye uSomdaka ubongoze abahlali ukuba babenomonde.