Baxhalabile abahlali baseSite C lizinga lobugebenga

Isematheni ingingqi yaseSite C, eKhayelitsha, kulandela iziganeko zokudutyulwa kubulawe abantu kutsha nje.


Isematheni ingingqi yaseSite C, eKhayelitsha, kulandela iziganeko zokudutyulwa kubulawe abantu kutsha nje.

Ngabantu abasibhozo abadutyulwe babulawa kwi nyanga kaCanzibe kwiziganeko ezahlukeneyo.

Kwisiganeko sakutsha nje kudutyulwe kwabulawa abantu ababini besendlini kwingingqi yakoo B.

Esi siganeko silandela esinye nalapho kwadutyulwa kwabulawa abantu abathandathu kwikona yendlela i-Maphongwana kunye ne Idada ngakwingingqi yamatyotyombe iTaiwan (“Mass killing unabated”, City Vision, 12 May).

Ezi ziganeko zishiye uluntu lunxunguphele luloyiko.

Unobhala wesigqeba sokhuseleko loluntu ekuhlaleni eSite B uPhindile George uchaze ukonyuka kwenani lokubulawa kwabantu nanje ngomceli mngeni, watsho ebongoza abantu bezomthetho ukuba badlale indima yabo ukuzama ukugcina uxolo.

Uhambise wathi sele iyinto efuna ukuqheleka into yokubulawa kwabantu ngokungenalusini neyenza abantu ekuhlaleni bangonwabi.

“Nanje ngoko iKhayelitsha iyindawo esadinga ukuphuhliswa into yokudutyulwa kubulawe abantu yenza nabatyali zimali babe madolw’anzima. Ithetha ukuthi lonto ingenza ukuba kunqongophale nditsho imisebenzi ukanti nalo mingqandandana yeevenkile sele ikhona nayo ingavala,” uthethe watsho uGeorge.

Waleke ngelithi zonke iziganeko zokubulawa kwabantu zityibeka ibala elibi kwiKhayelitsha iphela.

U-George uye wabangoza abahlali ukuba basebenzisane ngokupheleleyo namapolisa ukuzama ukulwa ubundlobongela obukhoyo kule ngingqi.

Uyingxininisile into yokuba ngokwendlela ubundlobongela obugquba ngayo eSite C, wonke umntu ubomi bakhe busemngcuphekisweni.

Umphathi wesitishi samapolisa iKhayelitsha uBrig Mnoneleli Magobiyane uthe akukabikho mntu ubanjiweyo malunga nokudutyulwa kubulawe abantu ababini eSite C.

“Ingxaki asikafumani bungqina obusikhokelela ekubanjweni kwabantu.

“Siyacela nabani na umntu onolwazi ngesi siganeko aze ngaphambili,” uthethe watsho uGeorge.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.