Baxhotyiswe ngezakhono zoshishino abahlali

Zizigidi ngenzigidi zabantu eziphulukene nemisebenzi susela oko kwafika ubhubhane wentsholongwane we-Covid-19 kwiminyaka emibini edlulileyo.


Zizigidi ngenzigidi zabantu eziphulukene nemisebenzi susela oko kwafika ubhubhane wentsholongwane we-Covid-19 kwiminyaka emibini edlulileyo.

Ukuzama ukuncedana nabantu bakwazi ukuziphilela, umbutho ozimeleyo nongajonganga nzuzo waseGugulethu, uyile iphulo apho uxhobisa khona abantu – uninzi lwabo abangaphangeliyo – ukuba basuse ikati eziko.

NgoMgqibelo umhla we-17 kweyoMsintsi, umbutho Ingcambu Dealing Information Centre, nezinze kwisitalato NY18 ububambe umsitho wokuvuyisana nabo bebesenza uqeqesho lokuthunga.

Ngabafundi abangama 26 abathe bawongwa ngeziqinisekiso zokuba bafumene uqeqesho.

Umseki walo mbutho uAndile Apleni uchaze lo mnyhadala nanje ngendlela abazama ngayo ukukhuthaza nokubethelela ithemba kubafundi.

Uthe injongo yabo kukuxhobisa abantu abangathathi ntweni ngezakhono.

“Ibikukuvuyisana nabafundi abathe bathatha inxaxheba kwenye yeenkqubo zethu yokufundisa ngokuthunga. Kwaye besibaxhobisa ngamazwi ukuzama ukubakhuthaza ukuba bazimele ngokuzivulela awabo amashishini,” uthethe watsho uApleni.

Waleke ngelithi inkqubo yabo yeyenyanga ezintathu, kwaye baqale uqeqesho ngenyanga yeKhala, kwade kwaba ngoLwesihlanu umhla we-16 kule nyanga. Uthe inkoliso yabafundi bakhe basuka eGugulethu nakwiingingqi eziyingqongileyo.

Uchaze lo mbutho nongenanjongo zakuxhaphaza abantu nosekelwe ekubaxhobiseni.

“Umfundi ngamnye ubhalisa ngeR120 qha, aze aqhubekeke ade ayogqiba ukuqeqeshwa. La mali yeyokuba sithenge nje ubisi neswekile nokuba sikwazi ukubhatala irenti kwisakhiwo esi sisisebenzisayo. Sifunda ukuqala ngoMvulo ukuyakutsho ngoLwesihlanu,” uthethe watsho.

Uqhube wathi banamaqela amabini abafundi abawaqeqeshayo ngosuku.

Iqela lokuqala, nebelinabafundi abali 13, belingena ukususela ngentsimbi yethoba kusasa ukuya kutsho emini emaqanda, lize iqela lesibini lingena emini emaqanda liphume ngentsimbi yesibini emva kwemini.

U-Apleni uchaze ukuqhekezelwa nanje ngenye yeengxaki abajongene nazo bengulo mbutho.

Uthe kunyanka ophelileyo kwinyanga yeDwarha baqhekezelwa bathathelwa ii-computer ezingama-22, kwaze kwanyanzeleka ukuba bayeke ukuhlohla i-computer.

“Sicela oosomashsisini basixhase nanje ngokuba sizama ukuphuhlisa abantu abangathathintweni sifuna nabo bakwazi ukuzenzela baphumelele. Abantu abaninzi esasibafundisa i computer basasoloko besitsalela iminxeba befuna ukuqonda ukuba asikavuli na kwakhona. Ukanti siyazidinga nezinye izinto ezinje ngeematshini zokuthunga njalo njalo,” ubongoze ngelitshoyo.

Uye waligxininisa elokuba sele likhona elinye iqela elitsha elizokuqala ngoMvulo umhla wesithathu kule nyanga izayo.

Omnye wabafundi abafumene iziqinisekiso uNwabisa Myeki, nohlala kwingingqi yako C eSite C, uthe nanjengomntu oneshishini elithengisa impahla uye wabona ilithuba elihle into yokuba afunde. “Amaxesha amaninzi ndiyazithenga iimpahla ndizithengise, kodwa ngoku ndifuna nam ndikwazi ukuzenzela ngokwam,” utshilo Myeki.

Uye wabongoza nakwabanye abantu, ingakumbi ulutsha, ukuba lungazijongeli phantsi inkqubo ezikumila kunje.

Ngengcombolo ezithe vetshe uluntu lungatsalela u-Apleni ku 063 035 8006.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.