Iqaqobana labantwana abancinci bakwaLanga badibene kwiziko i-Ikhaya Le Langa ngoLwesihlanu umhla wama-25 kweyoKwindla nalapho bebefundiswa ngobungozi beziyobisi kunye nangamalungelo abo.
Lo msitho ubuququzelelwe leli ziko kunye nenkonzo yesipolisa yakwa Langa.
Unozakuzaku weli ziko uLinam Sibinda uchaze lo msitho nje ngenye yeendlela zokulwa ubundlobongela kwaLanga.
Uthe kubalulekile ukuba abantwana bakwazi ukohlula okulungileyo kokungalunganga besebatsha. “Kubalulekile ukuba umntana uqale uthetha naye esemncinci ukuzama ukumlumkisa okanye ukumxhobisa ngobom. Siye sibafundise ngnezinto ezahlukeneyo uquka ubungozi bokuxhatshazwa kwabantu abangomama kuye nabantwana, ukutshaya iziyobisi nokusela utywala,” uthethe watsho uSibinda.
Ikhaya le Langa ngumbutho ozimeleyo nosebenzisana kakhulu nabantwana abancinci kule ngingqi ukuzama ukubaluleka nokubakhulisa ngokwasengqondweni.
Ukanti u-Sibinda uye wabongoza abazali ukuba bajonge abantwana babo ngalo lonke ixesha.
Waleke ngelithi eyona njongo yabo kukususa abantwana ekudlaleni ezindleleni.
Isithethi samapolisa akwaLanga uNondumiso Paul uthe eyona njongo yabo ibikukuva ebantwaneni ngezona zinto zichaphazela impilo yabo.
“Ezona zinto bazibalule ngamandla kukuxhatshazwa esikolweni, ubusela, ukusetyenziswa kweziyobisi notywala ngokungekho semthethweni. Siye sabakhuthaza ukuba bangazibandakanyi nalo noluphi na ulwaphulo mthetho olwenziwayo,” utshilo.
Uye wabongoza abahlali ukuba bazibandakanye nemibutho okanye amaphulo alwa ubundlobongela ekuhlaleni.
Uchaze ukubhataliswa koosomashishini, ukuxhatshazwa koomama nabantwana nanje ngolona lwaphulo mthetho luhambaphambili kwaLanga.
Omnye wabantwana obezimase lo msitho uMivuyo Mbatiso (one 13) uthe ufunde lukhulu kule ndibano. “Eyona nto ndiyifundileyo kukuba masohlukane nokuhleka okanye sibethe abanye abantwana esikolweni. Kwaye siye sakhuthazwa ukuba ukhona umntu okuxhaphazayo sixelele abazali okanye utishala esikolweni,” utshilo.