Abahlali bamatyotyombe iMalema, ngakumzila kaloliwe ePhilippi, baxakene nobomi badada emanzini ukususela oko kwathi kwanethe izandyondyo zemvula kwinyanga edlulileyo.
Imeko ziye zanzima mpela kule ngingqi emva kwemvula ebezinetha kule mpela veki iphelileyo. Abanye babahlali baye bakhetha ukuzishiya iihoki zabo bayokuhlala kubahlobo nezalamane.
Inkokheli yokuhlala uThembela Sogwangqa uchaze imeko abahlala phantsi kwayo nanje ngengaginyisi mathe. “Apha kusekho iihoki ezisadada emanzini ususela kula mvula yokuqala. Abantu abaninzi bakhethe ukuzishiya zinjalo ngoba baxakiwe amanzi awapheli. Xa sicela umasipala ukuba azosinceda afunxe oku kwamanzi, uthi akakwazi ukuza apha ngoba lomhlaba sakhe kuwo ngowabucala. Ukususela oko sakha apha ngo 2018 asikabinazo izindlu zangasese, amanzi kunye nombane. Akukho kwanto nje iSixeko esiyenzayo,” ucacise watsho uSogwangqa.
Waleke ngelithi bayaxakwa ngoba Eyadini (la matyotyombe akhiwe apho kwakusima khona oololiwe) amanye awo anazo izindlu zangasese zethutywana.
“La matyotyombe aseYadini aphakathi esitishini kodwa afakelwe izindlu zangasese. Kulapho singayiqondi khona ukuba kwenzeka njani ukuba thina singazifumani inkonzo kodwa ezinye ingingqi ziyazifumana sibe sisendaweni enye,” uthethe watsho.
U-Sogwangqa uthethe phandle wathi bengabahlali baseMalema bakulungele ukuya nokuba kukweyiphi na indawo ekulungeleyo ukuhlala abantu enazo neenkonzo.
Uthe lide ithuba behleli ebugxwayibeni, wagxibha waxabela imibutho yezopolitiko ngokuba sebenzisa xa ifuna iivoti.
“Into esixakayo imibutho yezopolitiko yonke iyeza apha xa ifuna iivoti zethu, kodwa xa sifuna iinkonzo ayibonakali. Apha sihleli nje akukho mntu usihoyileyo. Izinga lobugebenga lixhomile, ingakumbi ebusuku abantu bakhuthuzwa oko ngoba kumnyama akukho zibane,” uthethe watsho.
Isithethi sika Prasa kweleNtshona Koloni uZino Mihi uphendule ngelithi kusekho uthethathethwano phakathi kwazo zonke izigqeba ezibandakanyekayo uquka isiXeko saseKapa, i-Arhente Yophuhliso Lwezindlu (Housing Development Agency), Isebe leMisebenzi Yoluntu (Department of Public Works), Isebe Lezothutho eNtshona Koloni kunye nesebe lokuhlaliswa koluntu (Department of Human Settlements) ukuzama ukususa onke amatyotyombe asecaleni komzila kaloliwe ukuqala kwaLanga, ePhilippi kunye nase Khayelitsha. Uchaze amatyotyombe aseMalema nanje ngayinxalenye ye-project enkulu iCentral Line Recovery.