Bonele ngamabhodlo

Abahlali base Zone 18 kwaLanga babongoza abasemagunyeni ukuba bangenelele ukuze kuchithwe isakhiwo esidala nesaziwa nanje nge Lwazi Centre.


Abahlali base Zone 18 kwaLanga babongoza abasemagunyeni ukuba bangenelele ukuze kuchithwe isakhiwo esidala nesaziwa nanje nge Lwazi Centre.

Oku kuza emva kwezityholo zokuba izikrelemnqa zisebenzisa amabhodlo esi sakhiwo njengendawo yokutshayela iziyobisi kunye nokugila imikhuba ekuhlaleni. Oku kuquka ukuncathama xa bekhuthuza abantu.

Omnye wabahlali ohlala kude kufuphi kula mabhodlo nozibize njengo Madlomo, ngenxa yokoyikisela ubomi bakhe, uthe baphila ubomi bentshontsho kulangingqi.

Uhambise wathi rhoqo ngempelaveki kusoloko kukho abantu abakhuthuzwayo kula mabhodlo.

“Sifuna la mabhodlo adilizwe onke ibelibala qha apha. Ngoba asilali ngabantwana aba baleka apha ubusuku bonke beleqa abantu abagqithayo.

“Enye into kumnyama apha xa usiza, bakubona bodwa xa bencatshe apha wena awubaboni,” uthethe watsho uMadlomo.

Uchaze iLwazi nanje ngeyayiyindawo yeevenkile ngoko.

“Yayizivenkile ezi zonke kuthengiswa, kodwa ngenxa yokonyuka kwezinga lobusela nobugebenga abanini bazo baphela bezishiya,” ucacise watsho. Waleke ngelithi ezi venkile ziye zavalwa ekuqaleni ko 2000.

U-Mandlomo ukwatyhole ngelithi ngamanye amaxesha kukhe kufunyanwe nezidumbu zilahlwe kula madonga.

Uceba ka wadi 52, noquka le ngingqi, uThembelani Nyamakazi uthe unolwazi lwalendawo, walebela ngelithi uzakuwulandelelela lo mba.

“Ukugqibela kwam ukuva ngale ndawo ndandingekabi nguye noceba, ke ngoko yayingathi ukhona umntu owuthengileyo la mhlaba. Kodwa ke ndizakuwulandelelela kwakhona kwabasemagunyeni ndive kubo ukuba kuqhubeka ntoni na,” uthethe watsho uNyamakazi.

Esoleka kumazwi kaMadlomo, uNyamakazi utyhole amaphara ngokuba ngunobangela womonakalo kule ndawo.

“Xa besithi abahlali kuyakhuthuzwa kwaye kutshayelwa iziyobisi andinobaphikisa ngoba iyabonakala la ndawo ukuba ayilunganga. Enye into akukho zibane kula ndawo kumnyama,” utshilo uNyamakazi.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.