Abantwana baseLwandle neendawo eziyingqongileyo bonwatyiswe ngokufundelwa iintsomi ngoMgqibelo umhla we 4 kweyeSilimela eLwandle Migrant Labour Museum.
Ngale mini kuthe kwakhuthazwa abantwana ukuze bakuthande ukufunda, nento ezakubanceda baziphuhlise ebomini.
Omnye wabaququzeli bale mini uThabo Mampintsha uvakalise ukuba uninzi labantwana alunanto yakwenza geempelaveki.
U-Mampintsha uqhube wathi bafuna ukuza nento eyahlukileyo kwezi baqhele ukuzenza ezifana nemiculo kunye nemibongo.
Uhambise wathi wakhula emamela iintsomi namabali, nto leyo yamenza wafunda ubulumko nokukwazi ukuzithethelela.
“Sonwabe kakhulu ukubona umdla ongaka kubantwana bale ngingqi nanjengoko singakhange sibenaxesha lide ukuthengisa le ndibano. Sifuna ukubona abantwana befunda amabali bemamela neentsomi esikholelwa ukuba zinobulumko,” utsho uMampitsha.
Utyatyadule wathi ngumnqantsa ukufunda ngolwimi lwenkobe kukunika, kodwa kuluncedo eluntwini.
“Xa ungumntu othanda ukufunda amagama ayakwazi ukukhupha kwiimeko ezinzima. Abantu bakhetha ukulwa ngoba abakwazi ukusebenzisa amagama, ukuthetha ngendlela ukuze bakwazi ukuveza imvakalelo zabo,” ukholelwa njalo uMampintsha.
U-Zimkhitha Ngaleka, omnye wabaququzeleli bale ndibano, uthi ibachwayitisile into yokubona abantwana bezimasa le ndibanongobuninzi.
“Njengabantu abakhula apha eLwandle zange sabona kukho into efana nale, ethi idibanise abantwana ngoluhlobo. Sifuna ukwakha ulwazi nendlela yokucinga ebantwaneni, sikwaphuhlisa ukufunda ebantwaneni,” utshilo uNgaleka.
Uhambise wathi uninzi labantwana lubonakalisa umdla omkhulu ekufundeni. Uhlabe ikhwelo kuluntu olunomdla ukuba luze ngaphambili.
Uqhube wathi bacinga ngokubamba indibano ezikumila kunje kabini enyangeni ukubheka phambili njengoko kucace mhlophe ukuba abantwana banomdla kwiidibano eziloluhlobo.
Ucele kwabo bakwaziyo bekwakuthanda ukufunda babeyinxalenye yabo ekufundeni iintsomi kunye namabali.