COLUMN | Masiphume elubala ukuba ngaba sixakiwe

Kolu lwati lunzulu, indoda ibeka ityala emadodeni ngenxa yokungathathi nxaxheba ekukhuseleni abakhwetha entabeni. Ibongoza amadoda ukuba athathe uxanduva ukuze kusinde bonke abakhwetha ngexesha lohlwaluko lwasebusika, ekugxeka ukufa okungapheliyo kwabakhwetha eMpuma Koloni.

Unathi Obose, City Vision journalist, Novus Media

Liphinde lafika eloxesha besililindele. Ixesha elinzima nelokusa amakhwenkwe entabeni.

Eli xesha ke alinzimanga kwinkwenkwe yodwa nditsho nabazali bayangqunga babambe amazinyo ngamasikizi.

Ingakumbi kwixesha esiphila kulo apho uye ulindele nantoni na xa ngaba ikwenkwe isiya entabeni.

Nangona bekufanele ukuba lixesha lemivuyo nemigcobo kumanye amakhaya amazinyo aye ajike abezinyanda ngenxa yokuba umntwana engabuyanga entabeni.

Sele ivamise ukuqheleka into yokubhubha kwabakhwetha entabeni, ingakumbi eMphuma Koloni.

Yiyo lento ndihlaba ikhwela kuwo onke amadoda ukuba makhe abhinqe omfutshane azame ukuqinisekisa ukuba kweziholide zobusika akukho nalinye ingcwaba lomkhwetha elizakubakhona.

Lento yokusoloko kuswelaka abakhwetha ide iphele sele isenza amayilo, ngamanye amaxesha siphele singabanye singazi nale siyaziyo.

Lento yokubhubha kwabakhwentha ibivamisa ukuba kulengingqi yaseMampondweni, kodwa ngoku ingathi ifuna ukuyigqiba yonke iMpuma Koloni.

Kubuhlungu ke ngoba sisoloko sithetha into enye, ngoba sisola into enye oko.

Ukuba ayilosiko elenziwe ngendlela engeyiyo, iba kukuphela kwamanzi emzimbeni okanye impatho mbi ebakhwetheni.

Siyazazi zonke ezi zinto kodwa qho kusifa umkhwetha kusolwa enye yezi zinto ndizikhankanyileyo.

Kanti sifunda xa kutheni singootata?

Kutheni lento ingathi siyayibukela lento yokufa kwabantwana ehlathini?

Apho indiqwela khona okukufa kwabantwana ehlathini akunabani, ngoba xa uthetha nomntu apha eKapa akakho umntu okhe athi ‘hayi pha kweyami ilali bayafa abakhwetha ndiyayazi lonto’.

Eneneni kuyacaca ukuba singamadoda siyohluleka ukulenza elisiko.

Ndijongile nje sele kukufuphi kuthiwe liyavalwa okanye abantu bathathe indlela ezinqumlayo.

Masingavumini nto zakuthi masilweni kude kubesekugqibeleni.

Masingatyisi abantwana bethu intloya endaweni yamasi.

Kuyabonakala ukuba nezindibano zamadoda zimanukuhlala azenzi mahluko okanye azinasisombululo.

Ingaba siyonqena ukuthetha phandle singamadoda sithi sixakiwe?

You need to be Logged In to leave a comment.