I-ACJ ize nodumo

Izise imincili novuyo impumelelo yesikolo samabanga aphantsi i-ACJ Phakade yaseNomzamo emva kokuphuma kwindawo yesithathu kukhuphiswano lomculo ebelibanjelwe kwisikolo iLathitha, eKhayelitsha, ngeCawe umhla we15 kuCanzibe.


Izise imincili novuyo impumelelo yesikolo samabanga aphantsi i-ACJ Phakade yaseNomzamo emva kokuphuma kwindawo yesithathu kukhuphiswano lomculo ebelibanjelwe kwisikolo iLathitha, eKhayelitsha, ngeCawe umhla we15 kuCanzibe.

Lo msitho, noqhuba minyaka lee, ubuthe wanqumama emva kokuba igongqongqo lesifo iKhorona lithe lagubungela eli lizwe kwiminyaka emibini edlulileyo.

Emva kokubuyela kwezinto kundalashe ekuqaleni konyaka, olu khuphiswano luthe lwabuya nalapho amakhwenkwe kunye namantombi ebekhuphisana kwizigaba ezahlukeneyo.

Ukanti uchulumanco belubhalwe ebusweni bootitshala kunye nabafundi besi sikolo emva kokubuya nodumo, nanjengoko bethe bawongwa ngembasa.

Esi sikolo sithi kubathathe ixesha ukuze bafikelele esigqibeni sokuthi bathathe inxaxheba kolu khuphiswano nanjengoko bebenamathandabuzo.

Inqununu uThobile Majingo ebengawuvali umlomo ngewonga elifunyenwe sisikolo sakhe.

“Sisikolo sivuye kakhulu xa abantwana bethu beqhube kakuhle kangaka. Njengesikolo siyakuthanda ukuthabatha inxaxheba kuyo nantoni na ezakuthi iveze izakhono zabantwana bethu nanjengoko singaphelelanga ekufundiseni qha,” utshilo.

“Kuhle kuthi ukubona abantwana bethu bephuhla nkalozonke zobomi, kwaye lempumelelo iyasichulumancisa. Njengesikolo sisoloko sibaxhasa abantwana bethu, kwaye siyazidla ngale mpumelelo,” wongeze ngelo uMajingo.

U-Nomfanelo Silo, utitshalakazi obefundisa abantwana umculo, uthi khange bakwazi ukuzibamba emva kokubuya nodumo.

“Ndicinga ukuzimisela, ukunganikezeli, kunye nenkxaso esuka kwabanye ootitshala kunye nabahlobo bam yiyo ebangele sibe siyaphumelela si sisikolo.

“Ndifuna ukubalula, ndibulele umhlobo wam uNomlindo Poto nobesiza nam ngempelaveki endincedisa ekufundiseni abantwana la maculo,” utshilo uSilo, echwayitile.

Uqhube wathi njengomntu ebefika kwesi sikolo kunyaka ophelileyo ibikokokuqala ukuthi athathe inxaxheba kolu khuphiswano.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.