I-Pholile ayipholanga

Abahlali bamatyotyombe iPholile, eLwandle, babongoza isiXeko saseKapa ukuba sibancede ngokubacocela umfula onqumla phakathi kule ngingqi. Bathi oko lo nyaka uqalile lo mfula awuzange wacocwa.


Abahlali bamatyotyombe iPholile, eLwandle, babongoza isiXeko saseKapa ukuba sibancede ngokubacocela umfula onqumla phakathi kule ngingqi. Bathi oko lo nyaka uqalile lo mfula awuzange wacocwa.

Umhlali u-Bubele Gomba uthi bengabahlali baphila ubomi bentshotsho kule ngingqi. Uthi inkoliso yabantu, kuquka abantwana, bayagula.

“Akhonto intle apha ngoba sihleli nje siyanukiselwa ngulo mfula. Abantu abaninzi apha bakhala ngezifuba ezibuhlungu, abanye banerhwayibhani ngenxa yoku kungcola. Ukanti uninzi labantwana lunezigxala kunye nezitshanguba ngenxa yale mfucumfucu ikulo mfula,” utshilo uGomba.

Uthi bengabahlali bacela umasipala awucoce nokuba kukanye ngenyanga. Uqhubeke wathi abalali zingcongconi kunye neempuku ebusuku, nathi ziphuma kulo mfula.

“Ukutya siku faka emapheyileni ngoku, ngoba iimpuku zingena ezihokini ebusuku zitye yonke into kunye nezihlangu,” ucacise watsho uGomba.

Omnye umhlali uNokwakha Gcanga uthi abanye babantwana bakhe wancama wabasa eMpuma Koloni ngenxa ye ndlela abahleli ngayo.

“Umntwana wam omncinci oneminyaka emine ndincame ndamgodusa phakathi kulo nyaka uphelileyo kuba ndibona indlela le sihleli ngayo apha. Ingxaki wayesoloko egula enamaqhakuva emzimbeni ndaqonda ukuba mandimse kumakhulu wakhe ekhayeni,” utshilo uGcanga. Waleke ngelithi ngoku uhlala nentombi yakhe endala ene 19 leminyaka.

Uqhube wathi wancama wayisamenta ihoki yakhe phantsi ngoba iimpuku zaziyivunduza.

Uvalelise ngelithi okwalo mzuzu bangaziyo ukuba bakuze bahambe nini kule ndawo bacela ukuba umasipala abacocele lo mfula.

“Ndineminyaka engaphaya kweshumi ndihlala kule ngingqi, oko sibhalisa kubalwa iihoki. Xa kungena uceba omtsha sithenjiswa nangezindlu, kodwa akukho nto itsitsayo,”utshilo uGcanga.

Uceba ka Wadi 86 Xolani Diniso uziphikisile iingxelo ezithi sele kulithuba kungasacocwa kula ngingqi watsho esithi ngoku sithethayo kukho abantu abaqeshiweyo ukuze becoce iwadi yakhe yonke.

“Apha kule wadi ndinemifula mine. Kwaye kukho iprojekthi eqhubayo, neqale ngomhla wokuqala kuTshazimpunzi izakuphela ngomhla wama-30 kuCanzibe, apho kuzakucocwa yonke le mifula kunye nesigingqi samanzi (pond) esikwa phaya ngaphakathi,” utshilo uDiniso.

Ecacisa ngomcimbi wolwakhiwo lwezindlu kula ngingqi uthe lukhona uphuhliso lwezindlu oluzakuqala ngonyaka ka 2024, apho kuza kwakhiwa izindlu ezingama 4 621, nalapho kuza kuthi kuxhamle zonke iingingqi zaseLwandle. “Ikhona projekthi ezayo kodwa izakuqala ngonyaka ka 2024 apho kuzakwakhelwa abantu abahlala ematyotyombeni kunye nabo banxusileyo. Nabahlali base Pholile nabo bazakuxhamla apho kuyo,”utshilo uDiniso.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.