Ukuzama ukugcina isiko lolwaluko lukhuselekile kwaye lihloniphekile amalungu ombutho iEmbo, kwaLanga, atyale imithi engama 250 kwihlathi apho kungenela khona amakhwenkwe.
Eli hlathi, nelilelinye zeendawo eziphala phambili kuloluso lamakhwenkwe kweli leNtshona Koloni, lithe tshitshilili kufuphi nohola wendlela uN2.
Umsitho wokutyala le mithi uqhutywe ngoMvulo umhla 11 kweyeKhala.
Ukanti imithi ithe yanikezelwa lisebe lezamahlathi, ukuloba kunye nezendalo (Department of Forest, Fisheries and Environment), kwilinge lokuncedisana nemibutho yokuhlala, nequka i-Embo, ukuphuhlisa eli siko.
I-Embo ngumbutho wamadoda ojongene ncakasana nolwaluko lwamakhwenkwe kwaLanga.
Usihlalo walo mbutho uMandla Mlambo uyichaze inkqubo yokutyala le mithi nanje ngento abayenza minyaka le, ukuzama ukugcina ihlathi labo likhuselekile.
Utyatyadule wathi ngunyaka wesithathu betyala imithi kule ndawo bexhaswa ngurhulumente.
“Sinengxaki yabantu abagawula imithi apha ngokungekho semthethweni. Ukanti abanye bantu baba izilebs ezi zibiyele ihlathi. Lonto yenza ukuba abakhwetha babesemngciphekweni ngoba abantu bangena nandawoni na xa besiza kweli hlathi,” utshilo uMlambo.
Uhlabe ikhwelo kuluntu lakwaLanga kunye nabantu bezinye iindawo abasebenzisa eli hlathi ukuba baligade.
Uthe bengamalungu we-Embo bazama ngandlela zonke ukugcina eli hlathi liyindawo endilisekileyo ne hloniphekileyo.
Umphathi kwisebe kwicandelo lamahlathi uPatric Mdala uchaze le mithi nanje ngekulungeleyo ukutyalwa kule ndawo, watsho esithi iyakhawuleza ukukhula.
“Igama lale mithi yi-Umdoni. Wona awukhuli uye phezulu kakhulu koko ngumthi apha obafukufuku nolungele yona kanye le ndawo. Xa sele ukhulile abantu abangaphandle abazukwazi ukuyibona into engaphakathi okanye eqhubeka ehlathini,” uthethe watsho u-Mdala.
Uthe beli sebe bakwiphulo lokutyala imithi ezizigidi ezilishumi kwisithuba seminyaka emihlani. “Eli phulo siliqale kulo nyaka uphelileyo. Lizakuqhuba ide ibengunyaka ka 2025. Ngonyaka ngamnye silindeleke ukuba sityale imithi ezizigidi ezibini kwilizwe jikelele. Sityala kwiindawo ezahlukeneyo kuquka izikolo, iipaki, kumasebe ezempilo, kumakhaya amatsha, kumahlathi okwalukela njalo njalo,” ucacise watsho uMdala.
U-Mlambo ugqibezele ngelithi isiko lolwaluko livuliwe, kwaye lizakuqhuba kude kube sekupheleni kwenyanga yeThupha.