Iinkokheli zokuhlala eNyanga zimnqwenelele okuhle kodwa ongumphathi wesitishi samapolisa ale ndawo emva kokuba efumene isikhundla esitsha nesikwizinga eliphezulu.
U-Brig Vuyisile Ncata, noqale ukusebenza eNyanga ngonyaka ka 2014, uzakuthi asinikele umva esi sikhululo ukuphela kwale nyanga, asingise kwiphondo leMpuma Koloni, nalapho azakuqala kwisikhundla sika Maj-Gen.
Kulindeleke ukuba abe ngumphathi wengingqi, i-District Commissioner ngolwimi lwasemzini, kumasipala i-Nelson Mandela Bay kwidolophu yaseGqeberha. Uzakuqala ukuxhuzula imikhala kwesi sikhundla ngoLwesihlanu umhla wokuqala kweyeKhala.
Obesebenzisana no Ncata kakhulu, ekwangunobhala wesigqeba sokhuseleko ekuhlaleni, uDumisani Qwebe uthe ukuhamba kwale ndoda yilahleko enkulu. Umchaze u-Ncatha nanje ngomntu obewuthanda kakhulu umsebenzi wakhe, nokwanenkathalo ngabantu.
“Simnqwenelela okuhle kakhulu uBrigadier. Sithi nalapho aya khona aze abengathi uyaqinisa abenochatha. Ukufika kwakhe apha uBrigadier iNyanga yayinkqenkqeza phambili ngeziganeko zokubalala, kangangokuba yade yathiywa negama kwathiwa sisigqubu sokubulala ngoba yayisaziwa elizweni lonke jikelele,” utyatyadule watsho.
Uye wabalula ukusebenzisana kwakhe kakhulu nemibutho yokuhlala nje ngenye yezinto eyenze kwalula kakhulu ukulwa ubugebenga ekuhlaleni.
Waleke ngelithi uyakumkhumbula kakhulu nanje ngomntu obelungile nobewunonophele umsebenzi wakhe nanjengoko ebeqinisekisa ukuba wonke umntu uphathwa ngendlela xa eyokufuna uncedo emapoliseni.
Ukanti uceba kaWadi 37, noquka esi sikhululo, uSandile Martin umchaze uNcata njengomntu obezijule ijacu emsebenzini wakhe.
Uqhube wathi udlale indima enkulu ukulwa ubundlobongela eNyanga. “Bekukubi kakhulu ukufika kuka Ncata eNyanga. Bekungekho nto intle nje kwaphela, kodwa ekufikeni kwakhe uye wakwazi ukwehlisa ubundlobongela. Iminyaka emininzi ilandelelana iNyanga ibinkqenkqeza phambili kumatyala okubulala,” utshilo uMartin.
Waleke ngelithi kwingxelo yamapolisa yolwaphulo mthetho yesiqingatha sesine sonyaka, nekhutshwe ekuqaleni kwenyanga, isitishi saseNyanga simi kwindawo yama 21, nto leyo engaqhelekanga.
Ngaxeshanye u-Ncata ubulele intsebenziswano ayifumene kuluntu lonke ngethuba ekwesi sikhundla.
“Bekungekho lula kodwa ke ngenxa yentsebenziswano sikwazile ukulithoba izinga lobugebenga. Eyona nto eyenze kwalula ukulwa ubundlobongela kukuqinisekisa ukuba onke amanqwanqwa okuhlala ayasebenza,” uthethe watsho.
U-Ncata, noneminyaka engama 28 esebenza esipoliseni, uthe eyona nto imenze wagqama yintembeko, intlonipho kunye nokunyamezelana.
“Kule minyaka ndinayo ndisebenza esipoliseni engama 14 bendingu Brigadiya. Ndaqala ukuba ngumphathi sitishi kwa- Langa ngonyaka ka 2011. Ngonyaka ka 2014 kwinyanga yeSilimela ndaya kusebenza kwisitishi samapolisa asePaarl kodwa zange ndihlale kakhulu ngoba ndamka kwinyanga yeNkanga kwakulonyaka lowo ndaze kweyoMnga ndaqala kwisitishi saseNyanga,” ubalise watsho.
Uvalelise ngelithi owona mnqweno wakhe ibikukubona iNyanga iyindawo yokutyelela abandwendweli yahlukane nokwaziwa ngobugebenga.