Iinkosi zibongoza umanyano

Liqaqobana labantu neliquka iinkosi, amagqirha, abefundisi kunye neenkokheli zokuhlala elithe ladibana kwisikolo samabanga aphakamileyo iNew Eisleben, kwingingqi yaseCrossroads ngoMgqibelo umhla we-14 kuTshazimpunzi, ukuhlalutya umbandela wobukhosi k


Liqaqobana labantu neliquka iinkosi, amagqirha, abefundisi kunye neenkokheli zokuhlala elithe ladibana kwisikolo samabanga aphakamileyo iNew Eisleben, kwingingqi yaseCrossroads ngoMgqibelo umhla we-14 kuTshazimpunzi, ukuhlalutya umbandela wobukhosi kweli leNtshona Kapa.

Le ntlanganiso ibiququzelelwe ngumbutho weenkosi Mdumiseni Diverse Traditional Leaders.

Usihlalo walo mbutho uNkosi Ruba ‘Zanomthetho’ Gwadiso uthe eyona njongo yabo kukubuyisa ubuntu kunye nokumilisela izimilo eluntwini.

Uqhube wathi eyona nto ingumceli mngeni ekuhlaleni jikelele kukungahloniphani kunye nokunyhashwa kwabantu beenkolo ngeenkolo.

“Injongo yethu kukudala umanyano nobumbano phakathi kweenkolo ezahlukeneyo. Siqaphele into enye ukuba ininzi iyantlukwano phakathi kwabantu abakholelwa kwiinkolo ezahlukeneyo, umzekelo abantu becawe abagxeka inkolo yesintu. Ukanti sifumanise ukuba kwalapha phakathi kwinkolo yobuKrestu bakhona abagxekana kwabodwa. Ufumanise ukuba umntu ocawa kwicawe engawenziyo amasiko ugxeka omnye ohamba kwicawe eyenza amasiko,” uthethe watsho uZanomthetho.

Uchaze ukubukulana kwabantu abamnyama nanje ngento esisiqalekiso nengaphucukanga. Ukanti ukwagxeke ukusetyenziswa kotywala neziyobisi ngokugqithisileyo nanje ngenye yezinto ezitshabalalisa ilizwe. Uye wakhuthaza uluntu ukuba lugcine amasiko nezithethe. “Baninzi abantu abenza izinto ezinxa mnye nesintu sabo ngenxa yokubaleka amatyala akowabo. Abanye abantu basuka kumakhaya abo ezilalini babe bekufanele ukuba bazintlabi bafike apha bahlabe abantu,” uchaze watsho.

U-Liziwe Mkhaba wase Crossroads, oligqirha, uchaze le ndibano nanje ngomhlahla ndlela ukuzama ukumilisela uzinzo ekuhlaleni. Uthe ininzi into yokunyhukulana kwabantu abangamagqirha kuba bethwase ngendlela ezahlukeneyo. “Nalapha emagqirheni ikhona into yokungavani. La athwase isiXhosa (anxiba intsimbi ezimhlophe qha) angavani naba banentsimbi ezibomvu kunye nempahla ezibomvu. Amagqirha akavani kwawona odwa,” uthethe watsho uMkhaba.

Ubongoze bonke abantu abakholelwa kwiinkolo ngenkolo ukuba bazibandakanye neendibano ezikumila kunje.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.