Ilindle emapoliseni

Azibone ejamelene nelindle, ephekuza uhalala amapolisa aseLwandle, eStrand, emva kokuba umama othile etyibeke isikhululo sawo ngodaka lwesinqe.


Azibone ejamelene nelindle, ephekuza uhalala amapolisa aseLwandle, eStrand, emva kokuba umama othile etyibeke isikhululo sawo ngodaka lwesinqe.

Esi sihelegu senzeke ngentsasa yangeCawa umhla wesibini kweyeDwarha, kwaye sikhokhelele ekubeni sivalwe okwexeshana isikhululo ukuze kulungiswe lo monakalo

Ngokothoba sikutyele, lo mama ufike warhida isikhululo elilisela ngokunganeliseki yimpatho yabezomthetho.

Iingxelo zihambisa zithi, lo mama uphume elugcwabevu ngumsindo kwesi sikhululo emva kokuba amapolisa ezalele endle kwisicela sakhe sokuba amncede ngokuqokelela imali yakhe yemboleko kumntu othile ekuhlaleni.

Kamva ubuye sele evathe iqaqa, ephethe ilindle nge pota-pota, nathe walityabeka kwifenishala yesikhululo esebenzisa izandla zakhe.

Kuthiwa eli nina liye lahamba esikhululweni nalapho lithe labuya nepota-pota enelindle nelithe lalithi di lingcolisa iitafile esikhululweni.

Umphathi sitishi waseLwandle uCol Xolani Williams uvakalise ukuba amapolisa akakhange akwazi ukumbamba lo mama nanjengoko eberhono-rhono lilindle.

“Isikhululo siye savalwa okwethutyana nalapho besicocwa. Sibulela kakhulu kwilungu lokuhlala elithe lasincedisa ekucoceni isikhululo emva kwalento imbi kangaka,” utshilo uWilliams.

U-Williams uthi isikhululo siye savulwa emva kwentsimbi yeshumi elinambini ngalemini.

Loka Williams uthe lo sisi bazakumbamba ngesisehlo, kwaye abacuphi sele belifumene idokethi.

Kukholelwa ukuba elinina linoxinezelelo lwengqondo, kwaye ayisosehlo sokuqala esikhwankqisayo athe wasenza.

Kwilixa elingaphambili lo mama wakhe wavela kumakhasi ezonxibelelwano nalapho wathi wakhulula wahambaze kwenye yebhanki zeli.

Usihlalo weqoqo lezokhuseleko ekuhlaleni Siyabonga Macaula uthe ebengaqali lo mama ukuya kwesi sikhululo efuna uncedo emapoliseni.

“Ndicinga ukuthi ibililinge lokugqibela eli athe walenza. Lo sisi ingxaki yakhe yafika ezindlebeni zam nekubonakala ukuba unedepression,” utshilo uMacaula.

U-Macaula uhambise wathi bezinkokheli zokuhlala kufuneka bephakamile bazame ukunceda apho banokunceda khona kule meko nangona inobuzaza.

U-Macaula uthe bazakuzama ukudibana naye kubonwe akukho sisombululo esinokuvela na.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.