Abanye babahlali abathe baxhamla befumana iizitovu zerhasi kwa wadi 18 kwiholo iBlue eSite C ngoLwesine umhla wama 3 kweyeNkanga.uMFANEKISO: ngowAbucala


Ibiluvuyo nochulumanco kubahlali baka Wadi 18, noquka iThembokwezi, iBongweni kunye no mmandla wakoo A, emva kokuwelwa ngumqa esadleni.

Aba bahlali bathe bafumana izitovu zerhasi kuceba wengingqi uNtomboxolo Koopman ngoLwesine umhla wesithathu kweyeNkanga kwiholo iBlue Hall eSite C. Kuthenjwa ukuba ezi zitovu ziza kuthi zincede abahlali ukuqubisana nentsindabadala kacimi-cimi wombane, i loadshedding ngabula makhumsha.

Ephawula ngeli nyathelo uKoopman utyatyadule wathi zizitovu ezingama 480, nezixabisa ama R200 000, ekulindeleke ukuba zinikezwe eluntwini ukukhawulelana nale ngxaki. Uqhube wathi le mali izakuphuma kwisabelo sesigidi seradi abasifumanayo beyiwadi ukuhlangabezana nemicelimngeni kule wadi. “Sithe kwesi sabelo se wadi masithathe esi sixa singange R200 000 ukuze sonwabise abantu abadala. Kufuneka sikhumbule abantu abadala abasajonganga zinto zakufuna misebenzi bona ngoku, bahleli ezindlini zabo kwaye sifuna bayazi asibalibelanga nemizamo yabo ekuhlaleleni kwethu,” utshilo uKoopman.

“Siyile wadi siye savumelana ukuba sibaphe ezi zipho njengoba unyaka ukekele. Sivuyile ukubabona bezonwabele ezi zipho, kwaye sithi nakwabanye abangekafumani liyeza nelabo ilixa. Ngalomzuzu sisalinde ezinye iizitovu,” utsho uKoopman.

Ukhankanye ucimi-cimi wombane njengonobangela wokuba baze neli qhinga ukuze bangachaphazeleki kakhulu xa umbane umkile.

U-Vuyisile Jantjies, ongumhlali waseKhwezi, nothe waxhamla uthe kubavuyisile oku kakhulu.

“Oku kuzise uncumo kuthi, ukubona ukuba kusekho abantu abakhathalayo ngabantu abadala abafana nathi. Singabanye abantu abadala sihlala sedwa saswelekelwa ngamakhosikazi ngenxa kabhubhane weKhovidi,” utshilo uJantjies. “Siyambulela uThixo ngenceba yakhe, kwaye kutsho kwaluchulumanco ezintliziyweni zethu. Kungoku nje soze sasokola xa kuthe kwemka umbane kukho into ofuna ukuyibeka esitovini”.

You need to be Logged In to leave a comment.