Injongo ize nodumo

Isikolo samabanga aphantsi Injongo, saseKhayelitsha, size nodumo emva kokuphumelela kumnyhadala womculo obubanjelwe eGoli ngoLwesibini umhla wama 28 kweyeSilimela.


Isikolo samabanga aphantsi Injongo, saseKhayelitsha, size nodumo emva kokuphumelela kumnyhadala womculo obubanjelwe eGoli ngoLwesibini umhla wama 28 kweyeSilimela.

Esi sikolo sithe saphuma kwindawo yokuqala, sibetha oogxa baso abaphuma kumaphondo ohlukeneyo eli loMzantsi Afrika.

Sithe sagqwesa kwiculo lesiNgesi elithi Glorious.

U-Mandla Kala, usekela nqununu wesikolo kunye nombexeshi wekwayala, ubalule inkxaso ephume kubazali, kwisigqeba esilawula sesikolo, kotitshala kwakunye nenqununu yesikolo nanje ngeyona nto ibanike umfutho.

“Le nkxaso ingaka ndingatsho ndithi yiyo esikhuthazileyo sakwazi ukubuya nodumo ngelixa lolu khuphiswano. Sonwabile kakhulu, kwaye asiwuvali umlomo ngale mpumelelo,” utshilo uKala.

U-Kala uhambise wathi umgangatho wokhuphiswano ubuxhome kakhulu.

“Zonke iizikolo ziye zizilungiselele kakhulu, kwaye ububona nendlela ephezulu yomgangatho wolukhuphiswano.

“Nangona thina siqale emva kwexesha ukulungiselela olu khuphiswano nanjengoko iLizwe belisephantsi kwe lockdown, kwaye singazi noba luzabakhona ukhuphiswano lwezikolo ngenxa yale meko,” utshilo uKala.

Uthi ngokuphuma phambili kolu khuphiswano isikolo sifumene imbasa kunye nesixa semali esingange R10 000, nezakuthi ithenge izinto zesikolo.

U-Kala uhambise wathi bekunzima mpela ukulumgiselela olu khuphiswano, kodwa bachwayitile kukuza nempumelelo.

“Besingaqinisekanga ukuba olu khuphiswano luzakuqhuba nento ebangele ukuba siqale kwinyanga yoKwindla ukulungisa. Khange sivale sizilungiselela, kwaye beside siphume sekungorhatya emva kwesikolo sileqa kuba sifuna impumelelo,” utyatyadule watsho.

Usihlalo wesigqeba esilawula isikolo uPhiliswa Marman uchaze impumelelo yesi sikolo njengento esithathe yasibeka kwimephu yoMzantsi Afrika uphela.

“Bekungelula kwaye ndicinga kwiminyaka esibhozo oko siphuma kwindawo yesibini okanye kweyesithathu. Sichwayitile kakhulu xa sibe zintshatsheli kweli ityeli,” utshilo uMarman.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.