Abathandi bomdlalo wamanqindi bebephume ngobuninzi ukuya kuxhasa lo mdlalo ngexesha kusilwa iimbethi manqindi kudidi lwabantu abangahlawulwayo ngoMgqibelo umhla we 2 kuTshazimpunzi eSite C.
Umququzeleli wale tumente, nongumqeqeshi ophume izandla uZola Koti uthi le yindlela yokuvuselela amanqindi kwakhona.
U-Koti uthi itumente ezikumila kunje zinceda ukuthi ziphuhlise iintshatsheli zangomso kumdlalo wamanqindi kwiPhondo leNtshona Koloni.
U-Koti, noqeqeshe imbethi manqindi zehlabathi ezifana noMzonke Fana, uthi itumente ezinje baceba ukuziqhuba nakwiindawo ezifana nodederhu lweevenkile eKhayelitsha kunye naseSite B ngakwisikhululo samapolisa kwilixa elizayo.
“Sifuna ukusa umdlalo wamanqindi eluntwini ngoba umdlalo wamanqindi yinto yabantu. Kulento siyenzayo asijonganga nzuzo, sizama ukuphakamisa umgangatho wamanqindi koludidi lungahlawulwayo kweliphondo,” utshilo uKoti. “Enyanisweni asiqali ukwenza itumente ekumila kunje. Le tumente iye yanomehluko kakhulu ngokuthi abaphathi be taxi babonakalise umdla, ngokuthi basinike i-stage ukwenza itumente kwindawo yetaxi zabo”.
Uthi njengabantu abangabadlali bamanqindi, bakwazile ukunxulumana nosomabhizinisi be taxi kwaye uninzi loluntu lubonakalise ukuba abantu bazilambele itumente eziloluhlobo.
La makhwenkwana ebequbisene ebeqala kwiminyaka engama 12 ukubheka phambili, kwaye uKoti ukholelwa ukuba sobe baphinde bajonge emva ekuthatheni inxaxheba kule tumente.
“Umgangatho ubuxhomile, kwaye abantu bayonwabele kakhulu. Le tumente iye yakhuthaza amaqela amanqindi kunye nezimbethi manqindi nanjengoko beziqala ukulwa phambi kwenginginya yabantu abangakaya. Ndiqinisekile ukuba ezintwana azifuni kujonga mva ngoku, kwaye indlela esiyenza ngayo sifuna babezimbethi manqindi zangomso, kwaye baphuphe ngayo ukubheka phambili,” waleke ngelo uKoti, esithi bayabakhuthaza nakwiindawo zokuzilolonga ngokubaluleka kokuziphatha njengabantu bezemidlalo.
Ukholelwa ukuba abantwana ngokuthi bathathe inxaxheba kumdlalo wamanqindi, lonto ingabenza abantu “abakwimpilo entle, babenembeko, babengabadlali abagqibeleleyo” ebomini.
U-Koti uye wabulela kakhulu kumbutho woonotaxi uCodeta ngokubaxhasa kuletumente, ngezinto zokuthutha abantu nendawo bekudlalwa kuyo.