Ijike yabubuvuvu intetha yesiXhosa ethi akukho mgqomo wokulahla mntu ngethuba abahlali besitalato iSagwityi, eCrossroads, begagana nomzimba womntu unyhalwe emgqomeni wenkunkuma ngentseni yangoMvulo umhla wokuqala kweyeThupha.
Umnini ndlu, apho lo mngqomo ubushiywe khona, uNosidima Nkwali uthe esi sihelegu senzeke ngentseni xa kanye abazukulwane bakhe belungiselela ukuya esikolweni.
“Uthe kanye xa umzukulwana wam engena apha kum egumbini lokulala wabona umntu oqhuba umgqomo esithi tshe efesitileni apha eyadini.
“Ngoko nangoko akhwaze abe embuza kutheni ezokulahla inkunkuma apha eyadini. Aphume amleqe abe elandelwa ngumntakwabo omdala bamleqe bobabini ngenjongo zokumbamba,” uthethe watsho uNkwali.
Uqhubeke wathi baye babuya bengamfumenanga. Waleke ngelithi uthe uzukulwana wakhe omncinci xa esiya kukroba emgqomeni ukuba kukho ntoni wothuswa kukubona iinyawo zomntu zivelile.
“Uye wakhwaza wathi ‘nanku umntu emgqomeni’. Ngoko nangoko ndiye ndothuka ndayokuwa kwakhe kwathi sibe kancinci. Baye bakhwaza abamelwane kunye nabanye abantu bokuhlala ukuba bazokubona esisimanga. Akukho mntu umazileyo kwabe sele kubizwe namapolisa,” uthethe watsho uNkwali.
Waleke ngelithi akakhange akwazi nokuyowujonga lo mzimba lowo.
Ngexesha iCity Vision ifika kule ndawo uNkwali ebehleli kwamelwane abe amapolisa evale ngeteyiphu ukuthintela abantu ukuba bangangeni ngaphakathi.
Unobhala wesigqeba sokhuseleko ekuhlaleni uDumisani Qwebe ubongoze amapolisa ukuba azame ngandlela zonke ukuba abenzi bobubi bafakwe kwezimnyama izisele.
Uchaze ukufunyanwa komzimba uhlohlwe emgqomeni nanje ngesenzo esimasikizi nento engazange yenzeka kule ngingqi.
Kuyabonakala ukuba lo mntu sele enethuba ebhubhile ngoba unevumba, kwaye nomzimba ubusele uqalisa ukudumba. Siyacela ukuba nawuphi na umhlali onolwazi ngesi simanga aze ngaphambili,” ubongoze ngelitshoyo uQwebe.
Isithethi samapolisa ephondweni uKapt Frederick Van Wyk uchaze lo mzimba nongaziwayo ofunyenwe emgqomeni nanje ngowomntu ongumama.
Uthe ngokwengxelo abazifumeneyo kubonwe umntu ongaziwayo eyadini kwisitalato iSagwityi eqhuba umgqomo xa ebuzwa ngabanini beyadi ukuba ufuna ntoni washiya umgqomo wabaleka.
“Bathe xa bevula umgqomo babona umzimba womntu. Kuvulwe ityala lokubulala kodwa akukabanjwa mntu,”utshilo uVan Wyk.
Uthe nabani na onolwazi ngesisiganeko angatsalela umnxeba kwiCrime Stop 086 001 0111.