isihloko,

Simaxongo isimo kwindawo yabamatyotyombe iNeva-Neva, kwingingqi yaseMarcus Garvey, ngenxa yokugqabhuka kwemibhobho eliqela ehambisa ilindle.


Simaxongo isimo kwindawo yabamatyotyombe iNeva-Neva, kwingingqi yaseMarcus Garvey, ngenxa yokugqabhuka kwemibhobho eliqela ehambisa ilindle.

Kungoku nje abahlali bakhala ngelithi baxakwa kukuphefumla yile meko. Ukanti esi sankqange senza kube nzima ukupheka nokutya.

Omnye wabahlali uNosimanye Mkekese uchaze impilo yabo nanje ngengaphucukanga, watsho esithi akasiboni nesizathu sokuvota kolunyulo oluzayo. “Sineminyaka sihlala apha kunje. Le dreyini iyalungiswa iphinde igqabhuke. Oko lonyaka uqalile isenza lento. Ingcono ngoku ngoba kuphumanje amanzi amdaka anukayo, ngamanye amaxesha kukhe kuphume nelidle uqobo lidade ngaphandle. Engena nje lo ceba ukhoyo ungena isenza lento kwaye naye ingathi iyamohlula,” uthethe watsho uMkekese.

Uthe babole bhutyu zizigulo ezosulelayo ngenxa yeemeko abahleli phantsi kwazo.

Uhambise wathi endlini akasawuvuli umnyango ngenxa yesi sankqange. Inuka mpela apha ekuseni, iqwele xa kuthe kwadlula noba yimoto yaze yahamba apha kula manzi amdaka, uliva usendlini ukuba ikhona into ewachukumisileyo,” ubalise watsho.

U-Mkekese, nongumama wabantwana abathathu, uthe bonke abantwana bakhe banezigxala ngenxa yala manzi kunye nesanti emdaka abadlala kuyo. Uqhube wathi inkoliso yabantu kule ngingqi banolusu oluzele amaqhakuva. Ukanti bahlutshwa zizifuba eziminxanayo ngenxa yokungcola abakufumana apha phandle.

“Sikhe sibenamaxesha sihambise sonke apha kwam ungayazi ukuba kuqhubeka ntoni. Abantwana bam ndihlala ndibachebile iintloko ngenxa yokuba banezitshanguba,” utshilo uMkekese.

Ngexesha iphepha ndaba iCity Vision ibityelele lengingqi ngeCawe umhla wama-24 kweyoKwindla imeko ibimaxongo kakhulu. Ivumba elitsarhayo livakala useza. Inkoliso yamatyotyombe akufutshane ebevalile kodwa kubonakala abantu bakhona ngaphakathi kuba bevalela ivumba. Ukanti idreyini nebiphuphuma amanzi amdaka athwala ilindle ibibila.

Uceba ka wadi 88 nequnga lengingqi uZukisani Sophazi uchaze ukuphuphuma kwedreyini nanje ngento ejikeleze yonke lengingqi yeMetro.

Uthe watsho wathi unolwazi ngengxaki zedreyini eziphuphumayo kulewadi yakhe watsho esithi oyena nobangela kukuguga kwemibhobho ehambisa ilindle.

“Ayikho nye idreyini enalongxaki zininzi. Zilungiswa ngoku, emva kwentsuku ezimbini ziphinde zigqabhuke ngoba kaloku uninzi lemibhobho yelindle midala. Kwaye into yokulungiswa kwayo isigxina ayikacaci ngoba kaloku kufuneka kuqalwe ngalemibhobho mikhule phambi kokuba kulungiswe le mincinci ngoba yona idibana kule mibhobho mikhulu,” ucacise watsho uSophanzi woleka ngelithi ezinye idreyini azinazo kwa iziciko zabiwa.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.