Abahlali baseSite C bebephume ngobuninzi ngoMgqibelo umhla we 2 kuTshazimpunzi ngelokuvakalisa ukungonwabi kwabo yinto abathe kukubanjwa kwamadoda amathathu nabathi anceda ukulwa ubundlobongela kule ngqigqi.
Abahlali baseSite C bathe baqokelelana bandwendwela isikhululo samapolisa eSite B ukuyokuvakalisa ukungonwabi kwabo yile meko.
Enye yala madoda, nefunwa naphantsi kwezicithi ngamapolisa, nguYanga Endrey Nyalara nowaziwa njengoBara.
Kwiveki ephelileyo, amapolisa ePhondo leNtshona Kapa athe apapasha iinkcukacha ezidiza ukuba afunisa ngalo kaNyalara ngokuphathelene nothotho lweziganeko zolwaphulomthetho kweli le Ntshona Koloni (“Yanga sought by police” City Vision 31 March).
Lo kaNyalara (onama 30 eminyaka), ufunwa mayela nezityholo eziquka ukhuthuzo, ukubulala, ukuzama ukubulala, ukubetha, ukuba nompu ongenampepha kunye nophango lwemoto yemali ekukholeleka kwenzeka eLibode eMpuma Koloni ngomnyaka ka2018.
Ukanti abahlali baseSite C bavakalise ukuba le ndedeba ibanceda kakhulu ukulwa ulwaphulomthetho.
Balilisela ngelithi uNyalara yenye yamadoda athi ancede xa kuthe kwakho undonakele ekuhlaleni.
Abahlali bahlabe ikhwelo kumapolisa ukuba asebenzisane nala madoda ukuze kuliwe ubundlobongela.
“Singabahlali baseSite C naseSite B sinemibuzo esinayo kuwo umthetho. Wenze ntoni uYanga lento nizode nimxhome ngobundlobongela kwi social media? Thina bahlali simaziyo, sihlala naye yonke lento niyithethayo asinalwazi ngayo,” itshilo imbalelwano ebhalelwe amapolisa
Bathe babuhlungu ngoba, ngexesha “kubulawa abantu eSite C, abantwana bendlwengulwa umthetho zange siwubone”.
“Ingaba le ndlela nimfuna ngayo yindlela umthetho wethu ozakuqhubeka usebenza ngayo. Xa amatyala akhe evukile, kutheni yena ezakwenziwa ingonyama olu hlobo? Mzi wakuthi thina niyasibulala ngoba sazi umsebenzi wakhe kwabangathathi ntweni, kwiinkedama nakubahlolokazi,” batshilo abahlali.
Bathi bengabahlali babuhlungu kwaye le ngingqi izakubuyela kundalashe kwinto yobundlobongela. Bakwabuzile ukuba amapolisa azakukwazi na ukungena kumatyotyombe ale ngqingqi bethethe namaphara.
Abahlali bathi uluncedo uNyalara kule ngingqi nanjengoko ebanceda ngokutya, kwakunye nempahla zabantwana zesikolo.
Bathi abahlali, amapolisa aze ayazi ukuba ukumbamba kwabo uNyalara azabe balibulele iikamva labantwana balengingqi.
Isithethi samapolisa ephondweni uKapt Frederick van Wyk uthe into kaNyalara isephantsi kophando kwaye akakabanjwa.