Ukuzama ukubonisa uthando nobuntu kumaxhoba omlilo wamatyotyombe aseNkanini eLwandle, amalungu ombutho kaSinikithemba aphume ngobuninzi ngethuba eyokunikezela ngempahla ngeCawe umhla wesine kuCanzibe.
Le mpahla ibiquka izinto zokunxiba zabantu abangootata, oomama kunye nabantwana, iingubo kunye neembiza.
Oku kuza emva kokuba isihandiba somlilo sitshabalilise amatyotyombe angama 201, washiya abantu abangama 681 bedinga indawo. (“Donations pouring in for shack fire victims in Lwandle”, City Vision, 24 April).
I-Sinikithemba ngumbutho ozimeleyo noncedisana ikakhulu nabantu abangathathi ntweni, nalapho uye uncedise ngalonto unayo.
Umongameli walo mbutho uThembeka Soldat uchaze isenzo sabo njengendlela yokuzama ukubonisa inkxaso kumaxhoba omlilo wamatyotyombe aseNkanini.
“Sifuna bayazi ukuba nakulengxokolo bakuyo uThixo unabo, kwaye uyababona. Ebekhona nangoku bekusitsha, ibiyintando yakhe. Siyabacela ukuba bangathi bakutshelwa zizinto zonke abebenazo bawathandabuze amandla kaThixo. Injongo yethu kukubuyisa ithemba kubo bahlale benethemba,” uthethe watsho uSoldat.
Woleke ngelithi bengamalungu ombutho baye baphuma iphulo bahamba beqokelela impahla, ezinye zazo bazikhuphe kubo.
Uthe kuluvuyo kubo ukubona abantu bechulumancile emva kokuba bebanike iimpahla.
“Siyayazi ukuba ezimpahla sibanike zona asoze zisivale isikhewu okanye umonakalo owenziwe ngulamlilo ezingqondweni nasemiphefumlweni yabo. Kodwa okwethu kukuzama ukubathuthuzela nokubuyisa isidima sabo,” uthethe watsho.
Uqhube wathi ayikokokuqala besenza iphulo elikumila kunje nanjengoko babelenzile kubahlali bamatyotyombe aseThembeni ngelixa babekhe bagutyungelwa ngumlilo ngonyaka ka 2023.
Uye wabongoza neminye imibutho ekwaziyo ukuba iphose esivivaneni ukuzama ukuncedisana namaxhoba omlilo.
Ixhoba uVusumzi Madokwe ubambe ngazo zozibini kuSinikithemba, watsho esithi bayayibulela into oyenzileyo.
“Lento yenziwe ngulombutho ingakhangeleka ngokungathi incinci komnye umntu kodwa kuthi thina bantu bachaphazelekileyo ithetha lukhulu. Singabanye asikwazi nokuthenga iimpahla ngoba asiphangeli. Yonke into esiyifumanayo ibalulekile kuthe,” uqukumbele ngelitshoyo uMadokwe.