Bebexhelelw’ exhukwana abahlali bamantyotyombe iPholile, eLwandle, ngexesha iihoki zabo zifumana umbane okokuqala ezimbalini ngoLwesibini umhla wama 30 kuCanzibe.
Ngokweengxelo, le ndawo yakhiwa kwisithuba seminyaka engama 22 edlulileyo, kodwa azange yanawo umbane.
Angaphaya kwama 200 amatyotyombe ekulindeleke ukuba axhamle kweli phulo, phakathi kuka Feyzi 11 ukuya kuma ku Feyzi 14.
U-Nomawethu Mlakuhlwa, umhlali othe waxhamla, ubulele ngokungazenzisiyo kuceba wengingqi ngokuzisa utshintsho ebomini babo.
Uqhube wathi akayikholelwa into yokuba wohlukene nokuhamba enkinkqa umbane emizini.
“Ngoku ndizakuzithengela isikhenkcezisi kunye nesitovu sombane. Ndohlukene nokuthethela umbane, ngoba kaloku ngamanye amaxesha sitsala sibahlanu endlini enye,” uthethe watsho uMlakuhlwa.
Waleke ngelithi ebehlawula ama R300 ngenyanga ukubhatala umbane.
Uchaze ukufumana kwabo umbane nanje ngento ezakunciphisa izinga lokutsha kwamatyotyombe kule ngingqi.
Uqhube wathi amaxesha amaninzi amatyotyombe atshiswa ngamakhandlela, kukubaswa kwembawula okanye ngabantu abalala bephekile.
Uqhubeke wathi bayathemba ukuba nezinye iinkonzo, kuquka izindlu, zizakufika kungentsuku zatywala.
U-Xolani Diniso, uceba ka Wadi 86, ubulele kubahlali ngendlela abasebenzisene ngayo ngethuba leli phulo.
“Le ngingqi iyaqala ukulayita namhlanje oko yabakho.
“Ndiyathemba ukufakelwa kwalo mbane kuzakwenza utshintsho olukhulu kubahlali ngoba bazakukwazi ukuzimela bangaxhomekeki. Ndiyakholelwa ukuba kuzakunciphisa izinga lokutsha kwamatyotyombe ngoba amaxesha amaninzi lamatyotyombe atshiswa ngamakhandlela nokutsala umbane ngokungekho semthethweni,” ucacise watsho.
Uqhube wathi lo mbane uzokuba luncedo kakhulu, ingakumbi koosomashishini abakhasayo, ngoba bazakukwazi ukuziqalela amashishini abo.
U-Diniso uye wayibethelele into yokuba luxanduva lomntu wonke ukuqinisekisa ukuba akukho bantu abatsala umbane ngokungekho semthethweni.
Ecacisa ngolwakhiwo lwezindlu kule ngingqi, uthe umcimbi wazo awukacaci, watsho esithi uzakuwulandelelela.
Uvalelise ngelithi ukugqiba kwabo ukufakela umbane kule ngingqi bazakuyofakela kumatyotyombe iWag n’ Bietyie.