Ngubani owakhe wayicinga ukuba kungaze kukhuthuzwe, kudlwengulwe abantu ecaweni phambi kwabantu bejongile?
Lowo ngumbuzo ubujoliswe kwihlokondiba labantu abathe bazibandakanya nomthandazo woxolo obubanjwe kwiholo labahlali base Taiwan iSacla, ngoMgqibelo umhla wama 22 kuTshazimpunzi.
Lo mthandazo, nobuququzelelwe nguceba kaWadi 87 uKhayalethu Kama, ebambisene namapolisa, iinkokheli zesintu, ezakwalizwi, amalungu eqonga elijongene nokhuseleko loluntu ekuhlaleni (icommunity policing forum (CPF) ngolwimi lwasemzini, abafundisi kunye neminye imibutho yasekuhlaleni, ubujoliswe kwabo baneentliziyo ezityumkileyo ngenxa yokushiywa ngamalungu osapho kunye nabo bathi baxhatshazwa ngamaqabane okanye abalingani ngokubethwa okanye udlwengulo.
Umthandazo uqulunqwe emva kothotho lweziganeko ezimanyukunyezi ezithe zehla kule ndawo kutshanje.
Ezi ziquka ukukhuthuzwa kwamalungu ebandla lamaZayoni i- Showers of Blessings (“Thugs raid church” City Vision 20 April), kunye nokudlwengulwa, kubulawe intwazana eminyaka ili 13 u-Thimna Kuze kwiiveki ezine ezidlulileyo.
Ukanti amapolisa sele enqakule avalela abarhanelwe kuzo zozibini ezi ziganeko. Amatyala abo ayaqhuba kwinkundla ka mantyi yaseKhayelitsha.
Ngethuba lalo mthandazo, nalapho abahlali badele ingqele ibiqhaqhazelisa amazinyo bangena esixekweni, u-Kama ugxibhe waxabela amadoda ngokusilela ekulweni nobundlobongela obujoliswe kubantu ababhinqileyo.
Ngaxeshanye ubongoze yonke imibutho yasekuhlaleni ukuba ime ngeenyawo, isebenzisane namapolisa ukulwa ubundlobongela.
Uchaze indlela ezigqugqisa ngayo izikrelemnqa kula ngigqi nje ngeyothusayo.
“Uhlobo ubundlobongela ubonyuke ngalo eSite C buyothusa. Ngubani owakhe wayicinga ukuba kungaze kukhuthuzwe de badlwengulwe abantu ecaweni phambi kwabantu bejongile. Kuyabonakala nje ukuba ukhona umoya omdaka ongenelelayo kubantu bonke, ingakumbi kulutsha. Nguwo ke lo siwulwayo xa sithandaza,” uthethe watsho.
Waleke ngelithi abazukuphelela nje ekuthandazeni, zininzi ezinye iinkqubo abazakuza nazo ekuhlaleni ukuzama uxhobisa uluntu jikelele.
La maphulo aquka imbizo zamadoda, uchaze ngelitshoyo.
U-Kama uthe kwanele ngokuxhatshazwa kwabantu ababhinqileyo nabantwana kwakunye nokudlwengulwa kwabo.
Unobhala weqela elilwa ubundlobongela eKhayelitsha, uPhindile George ugxeke amadoda ngokusilela ekuxhaseni amaphulo okulwa ubundlobongela kunye nokuxhatshazwa kwabantu abangoomama kunye nabantwana.
Uqhube wathi kubalulekile ukuba babenephulo apho bazakuya ncakasana kwezindawo bahlala kuzo abantu abangootata bayokubakhupha kuzo.
Uqhube wathi ukuba ngaba abantu abangootata bahlala kwamam’ uyandichaza bazakuya khona, ukanti ukuba bahlala ezikoneni bazakuya kuzo. Uye wabongoza ulutsha ukuba luthi gqolo ukuzibandakanya neenkqubo zokugcina uxolo nokulwa ubundlobongela ekuhlaleni.
“Kumaxesha amaninzi abantu ababandakanyekayo kwizenzo zobubi ngabantu abangootata okanye amadoda, ingakumbi ulutsha. Sifuna ulutsha ibelilo elihamba phambili kuzo zonke izinto ezenziwayo ekuhlaleni, ingakumbi ezakha ukuhlala.
Iyandixhalabisa into yokubabona abantu abangootata bembalwa kangaka ingakumbi kwiindibano ezikumila kunje ngale sikuyo namhlanje,” utshilo uGeorge.
Wongeze ngelithi amanina ayazibonakalisa ukuba ayinxalenye yezintshukumo.
Umphathi wesikhululo samapolisa aseKhayelitsha uBrig Mnoneleli Magobiyane uchaze iKhayelitsha njengesinye sezikhululo ezihamba phambili kulwaphulo mthetho, ingakumbi ukuxhatshazwa kwamanina nabantwana.
“Kwizikhululo ezingaphaya kwewaka, kwilizwe lonke, iKhayelitsha ipha kanye phezulu kweziya zokuqala zilishumi ngokuxhaphaza amanina nabantwana. Ithi lonto kubalulekile yonke imibutho elapha ekuhlaleni isebenzisane namapolisa ukuzama ukulwa ubundlobongela kunye nokuxhatshazwa kwabantu abangoomama nabantwana,” uthethe watsho uMagobiyane.
Uye wabongoza abahlali ukuba babengamehlo kunye neendlebe zawo. Ucacise wathi wonke umntu uyachaphazeleka kubundlobongela ngendlela ezininzi ezahlukeneyo.
“Lompu udla ngowuva udubula ubusuku bonke ngomso ungadubula wena okanye isizalwane sakho. Kubalulekile singabahlali ukuba siphakame sime ngenyawo sisebenzisane silwe obu bundlobongela bugqugqisayo kwindawo esihlala kuzo,” uthethe watsho Magobiyane.