Licela izandla iqela leentsana

Ebephume iphulo amalungu eqela iKasi Talented Young Stars, kwingingqi yakoo FF eTown Two ngoMgqibelo umhla we 14 kweyeDwarha, ecela amalizo ukuzama ukunyusa ingxowa mali yawo.


Ebephume iphulo amalungu eqela iKasi Talented Young Stars, kwingingqi yakoo FF eTown Two ngoMgqibelo umhla we 14 kweyeDwarha, ecela amalizo ukuzama ukunyusa ingxowa mali yawo.

Eliqela, nelenza izinto ezahlukeneyo kuquka imixhentso, ukujayiva kunye nemidlalo yeqonga, lenze umngcelele ngakwindlela iSpine, kude kufuphi neziko lamafutha ezithuthi lakwa Engen, ngeenzame zokucela inkxaso ukuze lithenge izikipa zokunxiba xa lisonwabisa izihlwele.

Umseki weqela uSibahle Gxasheka uthe babone kufanelekile ukuba bacele inkxaso. Ubalule iqela lakhe nanje ngelifundisa amalungu indlela yokuziphatha.

“Injongo yethu ayikokucela imali yonyuso ngxowa yodwa, sikwabafundisa nangezinto ezenzekayo ekuhlaleni.

“Nanjengoko sisazi eminye yemiceli mngeni kwiindawo esihlala kuzo yindlela abantu abathandanayo besini esinye abaphathwa ngayo. Siye sagqiba ekubeni sitshintshiselane ngempahla apho amantombazana anxiba ezamakhwenkwe, ze amakhwenkwe anxibe ezamantombi,” ucacise watsho.

Waleke ngelithi iminyaka yamalungu iqala kwi sibhozo ukuya kuma kwi-16. “Ngamanye amaxesha siye sibe neminyhadala nalapho siye simeme namanye amaqela.

NgoMgqibelo umhla wama-28 kweyeDwarha eli qela lizokokwabisa uluntu kwiholo loluntu iBlue Hall, e Town Two.

Uhlabe ikhwelo kwabo bafuna ukuzibandakanya neliqela ukuba babhalise nge R15.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.