U-Noxolo Mgidlana (43) odukileyo kwikhaya lakhe eKhosovo. umfanekisO: ngowabucala


Lusadidekile usapho lukaNoxolo Mgidlana nosele eneveki ezimbini engaziwa ukuba waya kutshona phi.

Lo mama ominyaka ingama 43, waseKhosovo, kuvakala ukuba wanyamalala ngomhla wesithathu kule nyanga, eYethupha.

Ukanti ukuza kuthi ga ngoku akakabonakali nangotshengele.

Ngokweengxelo, u-Mgidlana wemnka ngentseni enxibe izinto zokulala kuquka igawuni enavy kunye nepijama epink. Ekuhambeni kwakhe washiya iminxeba yakhe emibini ngasemva.

Umntakwabo omncinci, uMasibulele Mgidlana uthi wafumana umnxeba osuka kwintombi yakhe ngethuba esembenzini umchazela ngoku ngabuyi kwakhe.

“Sithe sakuxakwa singayazi ukuba sizakumfumana phi, savula imfonomfono yakhe nalapho sibone ukuba ngezolo wayencokola nendoda yakhe, ifuna ukuza kweli cala. Indoda le ibihlala eKhayelitsha, kwaye kuyabonakala apha encokweni udadewethu wayalela ukuba mayize ngalemini kanti ngengomso uzakulahle,” utshilo uMasibulele.

Uqhube wathi ibikhona indawo ebethi adibane kuyo nale ndoda udade wabo xa ikwelicala kwalapha eKhosovo.

“Ekuzameni simkhangela side saya kwicawa iSt Johns nalapho utata wakhona wasixelela ukuba useKhayelitsha, kwaye ugcinwe yindoda. Le ndoda sayitsalela siyazisa ngokulahleka kukadade wethu kodwa zange ibonakalise mothuko okanye nkathalo ngayo yonke lento kuzode kube lelixesha,” utyatyadule watsho uMasibulele.

Uthi ekuzameni bayile nakwisikhululo samapolisa eSamora kodwa abakade bafumane ncedo lunesihlahla ngokulahleka kukadade wabo.

Ekuzameni ukuncina le ndoda, iye yabaxelela ukuba ihlala eKuyasa kodwa yaphinda yathi ibizakumka apho ihlala khona iye kwindawo yaseZwelitsha (eZwezwe) kude kufutshane eNkanini.

“Le ndoda iyakhanyela ukuba yiyo egcine udade wethu, kwaye xa sisiya kulo tata kwakhona eSt Johns usixelele ukuba uthe watshintshwa kwindawo ebekuyo kwaye ubotshelelwe apho akhoyo,” utyhole ngelitsho uMasibulele. Uqhube wathi bazibona bexakiwe yindlela abanokuthi bayisombulule ngayo le meko, watsho ecela amancedo akhawulezileyo kubantu abanobanceda ukuze bafumane usisi wakhe.

You need to be Logged In to leave a comment.