Ukhangelwa nangaphantsi kwezicithi lusapho lwakhe u-Lebohang Letsatsi (onama-40 eminya).
Le ndoda yakooH, eKhayelitsha, kuvakala ukuba ilahleke kwiveki ephelileyo, kwaye onke amatiletile okumfumana awe phantsi.
Amalungu osapho athi abahlobo bakhe abathethi ngazwinye. Abanye bathi bamgqibele ngoLwesibini, logama bambi besithi bamgqibele ngoLwesithathu.
Umama wakhe uMandisa Letsatsi uthi wazi ngoLwesihlanu umhla wama 26 kweyeThupha ukuba unyana wakhe udukile. Uqhube wathi yena uhlala emsebenzini, kwaye kubaluvuyo kunyana wakhe xa emazi ukuba uyabuya.
“Mna bendisemsebenzini nanjengoko ndihlala khona. Ndizokuva ngoLwesihlanu ukuba uSiyabulela (elinye igama abizwa ngalo) ukuba akekho ndaqalisa ukumkhangela,” utshilo.
Utyatyadule wathi unyana wakhe uqhele ukuza ngovuyo endlini xa emazi uzakubuya. “Njengamntu ophazamisekileyo engqondweni ndiye ndaya kubahlobo bakhe kwalapha ekuhlaleni. Abanye bathi bamgqibele ngoLwesibini, abanye bathi bamgqibele ngoLwesithathu,” waleke ngelitshoyo.
Ukanti uvakalise ukuba nomninawa wakhe wamgqibela ngoLwesithathu.
Ukuza kuthi ga ngalo mzuzu, usapho lakwaLetsatsi sele lumkhangele kwizibhedlela eziliqela kuquka iKhayelitsha, iTygeburg, eObsevatory kwakunye nakwintolongo iPollsmor. “Ndikhathazekile kakhulu ngokulahleka kwakhe singamazi ixesha elingaka. Andisakwazi nokuya emsebenzini ngenxa yale meko ngoba ingaske ndazi kwenzeke ntoni ukuze ndikhululeke,” utshilo uMandisa.
Uhambise wathi zange unyana wakhe alahleke kangaka, kwaye seyiyiminqweno yabo ukwazi inoba utshayiswe yimoto okanye kwenzeke ntoni na kuye.