Amalungu eqoqo lophuhliso eKhayelitsha, iKhayelitsha Development Forum (KDF) ngabula marhanuga, abindekile sisehlo sokubhubha kwamalungu amahlanu osapho olunye kwisitalato iBhemnye eSite B.
Esi sihlanu sitshe sangqongqa ngentseni yangoLwesihlanu umhla we-18 kwinyanga yoMdumba, ngethuba ityotyombe labo lintunyekwa ngumlilo. Unobangela womlilo awukaziwa.
Usekela sihlalo weKDF uThandi Msutu uthe bothukile sesi sehlo, kwaye bacela abasemagunyeni ukuba bangenelele ukuncedisana nolu sapho kumalungiselelo omngcwabo.
U-Msutu uchaze ukundindiza kukamasipala ukwakhela abantu abangathathi ntweni izindlu nanje ngento enegalelo kwimililo emininzi yokutsha kwamatyotyombe kweli leNtshona Koloni.
“Sili qumrhu yinto esihlala siyithetha ukuba sixhasa naluphi uphuhliso oluzayo apha eKhayelitsha ingakumbi elizakutshintsha kwaye liphucule iimpilo nokuhlala kwabantu. Sithi isiXeko masiphakamise inyawo ekwakhelweni kwabantu izindlu kuquka nabo banxusileyo,” uthethe watsho uMsutu.
Isithethi sesiXeko kwicandelo lezomlilo nokunceda uJermaine Carelse usingqinile esi sehlo.
Uthe nangona abasebenzi bezicima mlilo bekhawuleze bawulwa umlilo kodwa bathe emva kokuba bewucimile babona imizimba emihlanu idunduluze esizeni.