Xa sibambisene, umntu ngamnye adlale indima yakhe, singenza lukhulu. Eyona ngxaki yethu kukuba sifuna ukwenzelwa yonke into, kuthi ngoku sele sincedwa singayidlali eyethu indima.
Intliziyo ibethela ukuma rhoqo ndindwendwela ezinye zeelokishi zethu, ingakumbi iingingqi ezintsha ezifana neSamora Machel. Ezi ziindawo endicinga ukuba kumele zisemgangathweni ukodlula uLanga, iGugulethu, iCrossroads kunye neNyanga, zezona lokishi zindala kweli leNtshona Kapa. I- Samora Machel iphala phambili ngongcoliseko kunye nobugxwayiba. Inkoliso yeendlela zizele izigingqi kunye nemfucumfucu ezikoneni. Kunzima ukunyemba uluntu mayela nemfucumfucu elahlwa esithubeni njengoko unikezelo lweenkonzo nothutho lwemigqomo lungahambi ngendlela. Akho mntu unohlala endlini nenkunkuma, ingakumbi kwiimpuku namaphela makhulu asekapa.
Ingxaki kukuba xa ilahlwa esithubeni kubakho ungcoliseko kwiindawo esihlala kuzo, siphele sifikelwa zezi zinambuzane ezindlini zethu. Umcimbi ondixhalabisa kakhulu ziindlela nokuvaleka kwemibhobho ehambisa ilindle. Ezi zizinto esinesandla kuzo njengabahlali. Abasemagunyeni bayidlalile eyabo indima, okwethu singabahlali kukuba sikhathalele ezi zinto nanje ngoko zenzelwe ukunceda thina. Impendulo esoloko iphuma kooceba abaninzi kukuba le mibhobho midala ngoko ayikwazi kumelana nezinga eliphezulu labantu abayisebenzisayo. Ukuba ngaba ngenene midala le mibhobho, kutheni ezingxaki zingekho kangako eGugulethu nakwaLanga?
Inyaniso emsulwa kukuba zininzi izinto ezigwenxa ezenziwa ngabahlali, kwaye akukho mntu unqandayo. Umzekelo iSixeko saseKapa sisoloko sililisela ngabantu abalahla izinto ezifana namalaphu, kuquka ubugoxo bokwakha kwimibhobho kamasipala. Logama eminye yale mibhobho ibonakala imikhulu, ayikwazi ukumelana nezinto ezifana namalaphu kunye nobugoxo. Ezi zizinto ezifika zibangele uvaleko kule mibhobho. Lolu ngcoliseko oluthi lukhokelele ekonakaleni kweendlela. Njengabahlali sigxeka urhulumente ngezingxaki. Ingaba yingxaki karhulumente ngenene le okanye unobangela sithi? Inyaniso emsulwa yeyokuba nokuba singatshintsha urhulumente kangaphi, ukuba asitshintshi indlela yokwenza izinto sizakuthi gqolo sihlala ebugxwayibeni, logama sisola abasemagunyeni ngokusiphosa kwesinomhlwa.